UFaf ushiye isikhewu esikhulu kwiProteas

Abaqeqeshi beqela lesizwe leqakamba bakhathazekile emva kwesikhewu esikhulu esishiywe nguFaf du Plessis.

Oku kwenzeke emva kokuba konzakele uDu Plessis ngethuba ezama ukunqakula ibhola yeqakamba.

Lo mdlali wonzakele egxalabeni, into ethetha ukuthi uyakuhlala ngaphandle kokudlala iqakamba iiveki eziphaya kwisithandathu.

“UFaf wonzakele apha egxalabeni. Sicinga ukuba uyakuhlala iiveki ezintandathu ukuze akwazi ukuphila ngokupheleleyo,” utshilo umanejala weProteas, uMohammed Moosajee ku-IOL Sport.

IProteas inqunqele egoqweni iSri Lanka kuchungechunge lemidlalo emithathu yonke.

NgeCawe edlulileyo, uMzantsi Afrika uphumelele ngemitsi engamashumi asixhenxe anesibhozo kumdlalo wanamhlanje, uza kube ukhangela ukuphumelela umdlalo wesine ilandelelana.

Njengokuba kusekho imidlalo eza kudlalwa, indawo kaDu Plessis kulindeleke ukuba ithathwe nguHeinrich Klaasen emva kokudlala kakuhle kunyaka ophelileyo.