Ezinzulwini zobusuku bangoMvulo, ithuba lamaqela ebhola ekhatywayo lokuthenga abadlali liye lavalwa. Nangona kungakhange kubekho nto exhomisa amahlo – kodwa ukuhamba kwefolosi yeCape Town City, uFagrie Lakay, kuwothusile umzi. Ngaphezulu kwayo yonke into, ibe kukugcinwa kokuhamba kwakhe iyindaba yakwamkhozi. ULakay, 24, ngumdlali wePyramids FC ngokupheleleyo ngoku emva kokuba imthenge kwiCape Town City ekuqaleni kwale veki. Ingxelo ekhutshwe iCity ithe: “iCape Town City nePyramids FC zivumelene ngokuthengiselana ngoFagrie Lakay.”
Nangona kwiminyaka engaphambili kwakungekho namnye umdlali waseMzantsi Afrika odlala odlala eYiphutha – kodwa izinto zaguquka mhla iAl Ahly yatyikitya ifolosi yeBidvest Wits, uPhakamani Mahlambi, kwisithuba seminyaka emihlanu egqithileyo. Ngoku kukho uPitso Mosimane ongumqeqeshi noPercy Tau kwi-Al Ahly. Ukuthengwa kukaLakay oyinkathazo kakhulu ebaleni kongeza inani. ULakay utsale amahlo wabaphathi bePyramids FC kanye ngethuba lokuphakama komdlalo wakhe. Kwiisizini ezimbini, uLakay ufake amagowuli alishumi elinesixhenxe emidlalweni engamashumi amathathu anesithathu.
Emva kokudlala kakuhle kwiCape Town City, umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, uye wamvuza ngokumdlalisa. Iqela likaJohn Comitis likhulule phantse zonke iziqwayi zalo. USurprise Ralani uthathwe yiMamelodi Sundowns, uAbdul Ajagun uye kwiAl Hilal kanti uEdmilson Dove no-Abbubaker Mobara bathathwe ngaMaZulu aqeqeshwa nguBenni McCarthy. Kwelinye icala, iSuperSport United ifumene uBangaly Soumahoro noSifiso Ngobeni ngemboleko kwiMamelodi Sundowns ebithenge uTeboho Mokoena kuyo kwiveki ephelileyo. “Sifune uNgobeni kuba ingu-Onismor Bhasera yedwa odlala ekunxele. Kanti yena uBangaly uza kusinceda ngamava wakhe ngoba sisenabadlali abakhulayo abafana noLuke Fleurs, uKegan Johannes noThatayaone Ditlhokwe.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo