UFaku uyifuna phezulu iChippa kwiPSL

Sithembe Faku

IChilli Boys lelinye lamaqela asakhulayo anabalandeli abalixhasa ngokupheleleyo iqela labo. Kule veki sithethe nomnye wabalandeli abalithanda kakhulu eli qela laseMpuma Koloni.

Pedro Mapelo: Bhota Mhlekazi, unjani?

Umlandeli: Ndiyaphila Bhuti, unjani wena?

PM: Kuhle nakum. Ngokufutshane nje, khawuzichaze ukuba ungubani?

Umlandeli: Igama lam ndinguSithembe Faku. Ndizalelwe kwindawo ekuthiwa kukwaBhoxongo apha kwaZakhele kwidolophu yaseBhayi.

PM: Khawuqhayise ke Faku, kutheni wena uzithandela iChippa United?

Sithembe Faku: Mhlekazi okokuqala ndingathi ndithanda iChippa United ngenxa yomdlalo ophucukileyo ewudlalayo ebaleni,

isibonisa le nto kuthiwa yibhola ekhatywayo. Kwathi mhla kwafika yona apha eMpuma Koloni, ndayeka ukuxhasa amaqela aseRhawutini. Ndandifudula ndixhasa iKaizer Chiefs – ndayiyeka kwakufika iChippa.

PM: Zintoni enizenzayo kwisebe lenu ningabalandeli beChippa?

SF: Bhuti zininzi kakhulu izinto esizenzayo kwisebe lethu. Siyajikeleza kule ndawo sihlala kuyo, injongo kukuqinisekisa ukuba bazibandakanya neChippa.

Akuphelelanga apho ngokuba sinezinto esithi sizenzele abantu abangathathi ntweni apha ekuhlaleni. Siyenza lo nto egameni leChippa kuba liqela labantu.

PM: Ingaba unqwenela kwenzeke ntoni kwiChippa xa kuphela le isizini?

SF: Kuninzi kakhulu endinokuthetha – kodwa mandithi ndingavuya kakhulu ukuba singayiphumelela le midlalo iseleyo yonke. Ingenzeka lo nto, kwisizini edlulileyo yasibetha iChiefs ne-Orlando Pirates. Kunyanzelekile siwabethe la maqela ukuze sikwazi ukufumana indawo entle ngokufanayo nesizini ka’2015/16.

PM: Ngoobani abadlali obathandayo kwiqela lakho?

SF: NguBuyani Sali noDaniel Akpeyi. Bobabini aba badlali basebenze kakuhle ngamaxesha onke.

Umsebenzi wabo uyancomeka, kanti ngendimbala noJames Okwuosa ukuba ebesekhona kwiChippa. Wayezinikela xa edlala loo mfo.