UFassi unephupha lokudlalela AmaBhokobhoko

Emva kokungadlali iinyanga eziliqela ngenxa yokonzakala, uAphelele Fassi uvuyela ukufumana elinye ithuba lokudlala kwakhona. UFassi, 23, waseQonce kwiphondo laseMpuma Koloni, ubuyele embhoxweni engabambeki okwenkomo etyiwe sisibawu kwiVodacom Super Rugby – itumente ekuye kwanyanzeleka iyekwe phakathi ngenxa yeKhorona ngo2020. Le ndedeba, edlalela iCell C Sharks ivakalise uvuyo ngendlela izinto eziyihambele ngayo kwiSuper Rugby yonyaka ophelileyo kwincoko yakutshanje nolindixesha wombhoxo.

“Unyaka ophelileyo ubunika umdla kakhulu. Kundivuyisile ukudlala namaqela aseNew Zealand nawaseAustralia kwaye ndifumene nethuba lokudlala ngendlela endikholisayo. Kuye kwanyanzeleka imidlalo imiswe ngenxa yeKhorona. Kube ngathi kukho into esusiweyo apha kum ngoba bekungekho nto ndiyenzayo. Kodwa ke yinto leyo ibingaphaya kwamandla wethu. Ukonzakala kwandiphazamisa nyhani engqondweni,” utshilo uFassi kwiRugby Magazine.

Nangona ukonzakala kuye kwamphazamisa kodwa into encomekayo kukuba ubuye ekulambele kakhulu ukudlala umbhoxo. Emva kokuzibonakalisa emidlalweni yeSuper Rugby, kubekho ithemba lokuba uza kufumana ithuba lokudlalela AmaBhokobhoko okokuqala ebomini bakhe uFassi. Khange yenzeke lo nto ngenxa yeKhorona esaxikixa izizwe zehlabathi nangoku. Lo mdlali weSharks uthi iphupha lakhe kukudlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo.

Nangona uFassi engumdlali onesiphiwo sokudlala umbhoxo kodwa ukudlala neziqwayi zombhoxo ezifana noLukhanyo Am noMakazole Mapimpi, kunokwenzeka ukuba kubenalo ifuthe kwindlela adlala ngayo. “Ndisoloko ndilangazelela ukuwuphucula umdlalo wam. Kufuneka ndisebenze ngokuzimisela ukuze ndiphumelele. Ndinentshisakalo yokudlalela AmaBhokobhoko kodwa ukuze ndifumane ithuba, kufuneka ndigcine umdlalo wam usemgangathweni ophezulu. Into endiyifunayo ebomini bam kukudlalela iqela lesizwe. Ndisebenzela lo nto ngoku,” utshilo uFassi.