Njengokuba kushiyeke ngaphantsi kweentsuku ezimbini iqale imidlalo ye-Olimpiki eRio de Janeiro, ukuchulumanco luyabonakala naku badlali.
Kwabanye abadlali ukutyunjwa nje ngomdlali ozakulalela, asiyonto yonwabisayo, kuba ithetha ukuba ukulungele ukudlala, kodwa awunakuqala umdlalo.
Ukutyunjwa kwiqela lesizwe labasetyhini, kwibhola ekhatywayo asiyonto incinci kuChantelle Esau kuba ithetha ukufezeka kwephupha. Lo mdlali ngomnye wabadlali abane abazakuba ngamalalela kwiqela lesizwe iBanyana Banyana, abanye abadlali nguNomathemba Ntsibande, Kaylin Swart noThembi Kgatlana.
Ukuze afumane ithuba lokudlala * -Esau kufuneka konzakale ifolosi ibenye kwezo zityunjiweyo ngumqeqeshi uVera Pauw, kodwa loo nto ayimthezi amandla. Kuye inkulu kakhulu kwa into yokufakwa kwiqela le-Olimpiki.
Kudala enkqonkqoza efuna ukunikwa ithuba kwiqela lesizwe labasetyhini, kodwa engajongelwa ntweni nangona kudala ezibonakalisa iminyaka esixhenxe.
Lo mdlali ophuma kwiHigh Perfomance Centre udlale umdlalo wakhe wokuqala kwiBanyana Banyana eneminyaka elishumi elinethoba, ngo’2009 nalapho wayedlala macala kwiqela labadala nabaminyaka ingaphantsi kwamashumi amabini.
“Ithetha lukhulu kum lento, ukuba kwimidlalo ye-Olimpiki kukufezeka kwephupha,” utshilo * -Esau.
“Kudala ndisebenzela ukuba ndide ndifakwe nam kwiqela lesizwe. Ngoku bendingalifumani ithuba ndizixelele ukuba ndingumdlali obalaseleyo, kwaye kufuneka ndikholelwe kwinto endiyenzayo. “Ininzi ipolitiki kwibhola ekhatywayo. Ndiyavuya nje kuba umqeqeshi endinike ithuba lokuba ndibuyele kwiqela.”
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?