UFiacre Ntwari uncede iTS Galaxy ebethe iSekhukhune United ngamapenela

Kugqityiwe, iTS Galaxy iphakathi kwamaqela amane ashiyekileyo kwiCarling Knockout emva kwemidlalo yangale mpelaveki. Oku kwenzeke emva kokuba iTS Galaxy ibethe iSekhukhune United ngo’4-2 emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje ebusuku. Amanye amaqela azibekele iindawo kumjikelo olandelayo weCarling Knockout aquka iStellenbosch FC, AmaZulu neRichards. Nakubeni kuye kwanyanzeleka ukuba umdlalo ude uye kwixesha elongezelelweyo, amathuba okufaka amagowuli ebekhona emdlalweni.

Iqela ebelidlalela ekhaya, iSekhukhune United, liphose intaphane yamathuba okufaka amagowuli kwisigaba sokuqala somdlalo. USiphesihle Mkhize ulifumene ithuba kwimizuzu yokuqala yomdlalo – kodwa ibhola yakhe iqabele ngaphezulu kweepali. Emva koko, uLebogang Mosadi noJamie Webber bawafumene nabo amathuba okubhalisa ebhodini – kodwa kwala nakubo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa ngapha nangapha emva kokuba nayo iTS Galaxy ingakwazanga ukusebenzisa elayo ithuba.

Amaqela omabini adlale ibhola entle aziwa ngayo, ibhola ephantsi – kodwa ehamba ngesantya esiphezulu ukuya phambili. Ifolosi yeSekhukhune, uChibukwe Ohizu, iphise ngebhola kunozinti emva kokuba ingene endaweni kaLebogang Mosadi kwisigaba sesibini somdlalo. UFiacre Ntwari ubethe ibhola ngamanqindi ebizanywa nguNyiko Mobbie noChibukwe. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kwakucaca ukuba akukho qela elifuna ukuphumelela emdlalweni obushushu noko ePeter Mokaba Stadium.

Ukuba ilaka ibikwicala leTS Galaxy, umdlalo ubungazukuya kumapenela. USamir Nurkovic ukhabe ibhola esendaweni entle – kodwa ngelishwa ibethe epalini yamshiya engakholelwa. UNtwari untintele amapenela kabini, yaba iphumelela ngaloo ndlela iTS Galaxy ebibethe iMamelodi Sundowns kwa ngamapenela phambi komdlalo wanamhlanje. UWebber ufumene ikhulu lamawaka erandi emva kokuvotelwa ngabalandeli njengoyena mdlali obalaseleyo emdlalweni wanamhlanje. Amaqela ashiyekileyo aza kuthelekiswa ngoMvulo weveki ezayo.