Ufikile umlo ebekudala kuthethwa ngawo

UAzinga Fuzile ongumceli mngeni kumlo wodidi lwe Feather apho azakuqubisana nentshatsheli uMcbute Sinyabi eOrient, ngethuba ekhwela isikali phambi komlo eMdantsane Fitness Joint umfanekiso: Michael Pinyana

UFIKILE umlo ebekukudala kuthethwa ngawo, nanjengoko iimbethi-manqindi zikhwele esikalini ukulungiselela umdlalo omkhulu e-Orient Theatre eMonti ngokuhlwa kwangoLwesihlanu.

 

Umlo ojongwe ngamehlo abomvu ngulowo weSouth African Featherweight phakathi kukaMacbute “Macman” Sinyabi kwakunye noAzinga “Golden Boy” Fuzile. USinyabi yintshatsheli yeSA Featherweight logama uFuzile ecela umngeni.

 

Ngethuba bekhwela esikalini eMotion Fitness kwa-N.U. 6 eMdantsane, uSinyabi wenze u-56.95kg logama uFuzile enze u-57.14kg.

Umthelekisi kulo mlo, uAyanda Matiti weXaba Promotions and Events, ucebise abo bangekathengi matikiti ukuba bakhawuleze benze njalo kuba ongathenganga kwangethuba angazifumana engenatikiti kuba abantu bawufuna apha lo mlo.  

 

Amatikiti athengiswa eComputicket nge-R120. Iingcango zase-Orient Theatre ziyavulwa ngentsimbi yesine malanga ze umlo wokuqala uqale ngentsimbi yesithandathu.

 UMatiti ukwavakalise ukuba zonke iimbethi-manqindi ezithabathe inxaxheba kulo mlo zizakuvavanywa emva komlo ukujonga ukuba azisebenzisanga machiza angavumelekanga kusini na.