UFleck wonwabile ngumdlalo weStormers

Nangona iStormers zibethwe ziLions ngo’29-22 kumdlalo weSuper Rugby eGoli kule mpelaveki, zikhona izinto ezincumisayo abaphume nazo kumdlalo wabo wangoMgqibelo.

Umqeqeshi oyintloko weStormers uRobbie Fleck uthi, nangona ephoxekile kukubethwa kumdlalo ebecinga ukuba bangawuphumelela, zininzi izinto ezimkhuthazayo azibonileyo kubadlali bakhe kulo mdlalo.

“Ibingumdlalo onzima kakhulu, kwaye ubudlalwa ngokukhawuleza la mdlalo. Bekukho amatyeli apho iqela elinye beliwulawula wonke umdlalo, kodwa nelesibini iqela liphinde lilwe. Bekudibene amaqela amakhulu,” utshilo uFleck.

“Ibingumdlalo onikisa umdla kakhulu, omabini la maqela ebezimisele xa kukhuselwa naxa kuhlaselwa. Liphawu elihle eli ukubonisa apho uya khona umbhoxo weli, ibilidabi nje lamaqela eSuper Rugby, kodwa lamaqela ebezimisele ukudlala umbhoxo onikisa umdla omabini.”

UFleck uvakalise ukonwaba yindlela abadlali bangemva beStormers abalunyamezele ngayo uxinizelelo obelufakwa ziLions, kodwa ufuna bakwazi ukuwasebenzisa kakuhle amathuba abo ukubheka phambili.

“Icebo lethu lisebenzile ebaleni, kwaye abadlali bakwazile ukudlala kakuhle xa iLions bezisiza ngamandla.”

UFleck uncome iLions ngendlela eziwuvale kakuhle ngayo lo mdlalo, kwaye uthi udidi lo mbhoxo ubudlalwa ububonakalisa ukuba umbhoxo welizwe loMzantsi Afrika uya ngokomelela.