UFokoroni uthi akayivanga iLegends Marathon!

UMike Fokoroni uphumelele kumdlalo iLegends Marathon ebisuka eBhisho yayokuphela eOrient Beach

Iimbaleki zephondo laseMpuma Koloni naseMzantsi Afrika kufuneka zinyuse umxakatho ukuze ziphumelele imidyarho yeembaleki ebalulekileyo.

UMike Fokoroni welizwe laseZimbabwe yintshatsheli entsha yomdyarho omkhulu eMpuma Koloni obizwa ngokuba yiLegends Marathon emva kokuqhumisela ngothuli iimbaleki ebezisuka kumaphondo ohlukeneyo eMzantsi Afrika ngentseni yangeCawe egqithileyo.

Ngentsimbi yesithandathu ekuseni ngeCawe ephelileyo, iimbaleki zisuke eBisho Stadium zayokuqhina eOrient Theatre eMonti.

OkaFokoroni ufike entanjeni emva kokubaleka ixesha elingaphezulu kancinane kwiiyure ezintathu umgama ongamashumi amathandathu anesibhozo eekhilomitha (68km) kwimozulu ebintle kakhulu eMonti naseBhisho – apho ugqatso beluqale khona.

Umdyarho omkhulu njengeLegends inomtsalane kwiimbaleki ngokuba iye uzincede xa zifuna indlela yokungena kwimidyarho efana neComrades Marathon – kodwa uFokoroni uthe akaluvanga ukhuphiswano.

Ngamanye amazwi umgangatho weembaleki ubungekho kwinqanaba eliphezulu. Ukuvuyele ke kambe ukuphumelela iLegends Marathon kwilinge lakhe lokuqala njengembaleki yemigama emide.

“Kuyandichulumancisa ukuphumelela iLegends Marathon nangona bekungekho nzima. Ibilityeli lam lokuqala eli kum; ndingatsho kodwa ukuba ugqatso belungekho nzima konke konke apha kum,” itshilo imbaleki yaseZimbabwe xeshikweni ixelela I’solezwe lesiXhosa ngendlela eqhube ngayo elugqatsweni.

Umgangatho womdyarho ubumhle ngoba ubulungiselelwe kakuhle kakhulu emva kongenelelo lweSebe lezeMidlalo njengomxhasi omkhulu kulo nyaka.

“Ewe, ndingatsho ukuba umgangatho wogqatso ube yile nto bendiyilindele. Ndize apha ndijonge ukubamba nokuba yindawo yesithathu kuba ndiqala ukubaleka kwiLegends Marathon. Khange ndicinge ukuba ndingaphumelela ugqatso kwilinge lam lokuqala. Xeshikweni sibaleka endleleni ndike ndalaqaza, ndizama ukujonga iimbaleki endinokuthi ndikhuphisane nazo – kodwa endaweni yoko, ndiphawule ukuba iimbaleki bezijonge mna,” utshilo uFokoroni.