Abatshakazi be-Absa Premiership, iHighlands Park, ibetha ngenqindi phantsi ngelithi ayizanga kudlala kwinqanaba lebhola ephezulu. Oku kuthethwe ngumqeqeshi weli qela laseGoli, * -Allan Freese, kutshanje ngethuba kusaziswa abadlali abatsha.
Ukuzithemba kufanelekile kulo mqeqeshi ngoba ukwazile ukufumana abadlali abaliqela abanamava adingekayo abazakuthi badibane nabadlali ebesebenza nabo kwisizini edlulileyo kwaNational First Division.
Abanye babo badlali balishumi elinesibini baquka ifolosi ekudala ilivevula uCollins Mbesuma, Thanduyise Khuboni, Zamuxolo Ngalo [bonke bebedlalela iMpumalanga Black Aces ebhangileyo], uCharlton Mashumba osuka kwiJomo Cosmos noKhethokwakhe Zwane osuka kwi-University of Pretoria.
“Ndonelisekile kakhulu ngabadlali esibafumeneyo. Andithandabuzi nakancinci, bazakuwenza umahluko kweli qela kule sizini intsha. Ukutyikitya kwethu aba badlali kubonisa mhlophe ukuthi sizokulwela indawo yethu. Okundonelisayo kukuba iqela libambene kamnandi ngoba kukho nabadlali esisuka nabo kwiNFD,” utshilo uFreese.
Lo mqeqeshi, owayefudula eqeqesha iPlatinum Stars, nguye oncede iHighlands Park ukuze ifikelele kwinqanaba eliphezulu ebholeni emva kweminyaka ephaya kumashumi amabini ingasabonakali kulo. Kwelinye icala isikhulu seli qela, uSinky Mnisi, uqinisekisile ukuba iHighlands izakusebenzisa iMakhulong Stadium kwilokishi yaseTembisa.
“Kwisizini ezayo sizakusebenzisa ibala lethu lesiqhelo iMakhulong Stadium. Ngoku silungisa nje izinto ezithile kulo. Ngokwenza njalo sizama ukusondela kubalandeli bethu abe- bezalisa yona kwisizini ephelileyo sisadlala kwaNFD,” utshilo uMnisi.
Imidlalo yokuqala ye-Absa PSL kulindeleke iqale xa isiya ekuthanbekeni inyanga ezayo.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman