UFrosler uyakwazi okuza kunceda iChiefs

UReeve Frosler uthi iKaizer Chiefs iza kubeka iliso layo kwizinto ezinokuyinceda xa ibuyiswa imidlalo yePSLumfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Onke amaqela aphambili asebenzela ukuyiphumelela yonke imidlalo yawo ukuze abhukuqe iKaizer Chiefs esahleli enkcochoyini emva kokugqwidiza kwayo emidlalweni ebalulekileyo kwisigaba sesibini sesizini ka2019/20.

Njengokuba iChiefs ilelona qela eliphantsi koxinizelelo, umdlali wayo wasemva uReeve Frosler uthi uyayazi eyona nto eya kuthi incede iqela lakhe ekugqibeleni.

Imidlalo yanqunyanyiswa kwinyanga ephelileyo xa kanye isizini ingena kuvuthondaba ngenxa yesifo esinganyangekiyo ekuthiwa yikhorona.

Emva kweminyaka emihlanu yendlala, Amakhosi anethemba lokuphumelela indebe kule sizini – kodwa kwakufuneka ayiphumelele yonke imidlalo eshiyekileyo ngoba iMamelodi Sundowns ifuthela emagxeni kwaye izimisele ukongeza ezinye iindebe phambi kokuvalwa kwesizini.

Amakhosi sele eqokelele amashumi amane anesibhozo amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesibini.

UFrosler uthi ukujongana nomdlalo omnye ngexesha kokona kwakuyinceda iChiefs.

“Siyazama ukungazihoyi izinto ezidlulileyo. Into esizimisele ukuyenza kukujongana nezinto esinokwazi ukuzenza mhla kubuyiswa imidlalo kwakhona,” utshilo uFrosler ethetha ne-Independent Media.

Kule sizini esamisiweyo, uFrosler uzibonakalisile okokuba ngomnye wabadlali ekunokuthenjelwa kubo nguErnst Middendorp ngokudlala kakuhle emidlalweni yonke ayidlalileyo kwiChiefs.

Umsebenzi wakhe uqatshelwe nangabaqeqeshi bamaqela esizwe. UMolefi Ntseki ukhe wambandakanya kwiqela lakhe – kanti naye uDavid Notoane ebemfake kuluhlu labadlali ebeza kukhetha kulo abadlali beSA Under-23 ebebeza kumela uMzantsi Afrika kwimidlalo yeOlimpiki emisiweyo ngenxa yekhorona nebiza kusingathwa sisixeko ekuthiwa yiTokyo, eJapan.

Loo midlalo iye yahlehliselwa unyaka ozayo (2021).

“Ukumiswa kwemidlalo yeOlimpiki kunika bonke abantu ithuba lokuzibonakalisa. Into endinokuyenza mna kukuqhubela phambili nokuphucula indlela endidlala ngayo,” utshilo uFrosler.

Njengokuba ihlabathi lisaxikixwa lulwamvila lwekhorona, akukacaci nokuba iya kuqala nini na imidlalo yeAbsa Premiership kwakhona.