Ufumbethe ithemba elitsha uKhama Billiat!

UKhama Billiat weMamelodi Sundowns umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Xa umthi ungavelisi iziqhamo ezihle uyagawulwa ukuze ufumane ithuba lokukhula ngokutsha ngethemba lokuba uyakuvelisa isivuno esincumisayo.

Wenze kanye lo nto umdlali ophambili weMamelodi Sundowns – kodwa ke yena ugqibe kwelokuba axoze mphini wumbi.

UKhama Billiat uyinxalenye yequmrhu elimela abadlali bebhola ekhatywayo ekuthiwa yiM-Sports Management emva kokuba eshiye uSiyabonga Loyilane obekade eyimanejala yakhe ithuba elide.

ULoyilane ulahlekelwe ngoyena mdlali ongenantanga kwibhola yaseMzantsi Afrika kuba engakwazanga ukumfumanela iqela elitsha eYurophu.

UBilliat ugqugqisile kwi-Absa Premier Soccer League nakwizwekazi le-Afrika ngokubanzi isithuba seminyaka emithathu – ngoku ufuna ukuyozivavanya kwinqanaba elingasentla eYurophu.

Le ndedeba yaseZimbabwe kuthiwa ifunwa yiKaizer Chiefs – kanti namaqela aneepokotho ezinzulu njengeBidvest Wits kuthiwa ayigacele.

UBilliat uvumelekile ukuba angenza isivumelwano nalo naliphi na iqela ngoba isivumelwano sakhe neSundowns sisondela ekupheleni.

Iqumrhu leendaba, i-Independent Media, lipapashe iindaba ezingokuqhawuka komtshato phakathi kukaBilliat noLoyilane emva kokuba engakwazanga ukufumanela lo mdlali iqela eYurophu.

Ingqonyela yeM-Sports Management ebichulumancile, uMichael Ngobeni, wamkele uKhama Billiat ngezandla ezishushu ekuqaleni kwale veki.

“UKhama ngoweM-Sport Management ngoku. Sonwabile ngoba inkampani iqhuba kakuhle. Siza kusebenza noKhama siphinde siqinisekise ukuba izinto zakhe zihamba kakuhle,” utshilo uNgobeni.

“Yonke into iza kusingathwa sithi ngoku. Sisebenze kakuhle no-Edzai Kasinauyo osweleke kunyaka ophelileyo. UKhama uyakuvuyela ukuba yinxalenye yethu,” utshilo uNgobeni.

IM-Sports Management imfumbathise ithemba elitsha uBilliat – kodwa ubukho bomdlali onje ngaye kuhamba noxinizelelo.

UBilliat udlale indima ebalulekileyo kwiindebe kwiCaf Champions League, Super Cup, Absa Premiership, Telkom Knockout neNedbank Cup eziphunyelelwe yiMamelodi Sundowns kule minyaka imbalwa idlulileyo.

UNgobeni uthe kufuneka baqinisekise ukuba wonwabile lo mdlali kwaye bafezekise iphupha lakhe lokudlala phesheya kolwandle.