Iqela lika-Owen
Da Gama,
Nyatama ekuqaleni kwale veki. UNyatama, 32, uthe gqi enkampini yeHighlands emva
kokuba echithwe yi-Orlando Pirates kwiveki ephelileyo. Iingxelo zithi uNyatama
ucele ukukhululwa yiPirates – ngokuqinisekileyo ubonile ukuba indawo yakhe
ayikho phantsi komqeqeshi oxhuzula imikhala ngoku, uJozef Zinnbauer. Phantsi
kukaMilutin Sredojevic – lo mdlali wasesiswini ebengomnye wabadlali abaphambili
kweZimnyama. Ngaphandle kwamathandabuzo, uNyatama isengumdlali osemgangathweni
ophezulu kwaye naphi na apho akhoyo – ngeke angawenzi umahluko. IHighlands ekhe
yatsala nzima phambi kokubetha iBaroka FC ngo’1-0 kutshanje iza kumsebenzisa
uNyatama ngoba umqeqeshi wayo ebesoloko esithi uyamdinga umdlali ofana naye. Kunokwenzeka
uNyatama adlale umdlalo wakhe wokuqala njengomdlali
xa idibana neqela laKwaZulu-Natal, Uthongathi FC, emdlalweni weNedbank Cup oza
kube useMakhulong Stadium ngempelaveki.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo