Ufumene ithuba elinqabileyo uErasmus

Ifolosi yelizwe loMzantsi Afrika, uKermit Erasmus, edlalela iqela laseFrance, iRennes, ifumene ithuba elinqabileyo lokudlala ngempelaveki edlulileyo.

UKermit Erasmus, owayedlalela i-Orlando Pirates, ufake igowuli lakhe lesibini njengomdlali weRennes kumdlalo wobuhlobo obuphakathi kweqela lakhe neLava edlala kwinqanaba elisezantsi.

UKermit wemka kwiPirates engabhungisanga ekuqaleni konyaka emva kwesizini [2014/15] eyayintle kakhulu yakhe kwiBucs, kodwa izinto azisafani ngoku aseFrance ngenxa yokunqongophala kwamathuba okudlala. Umdlalo wona uphele la maqela ebambene ngegowuli elinye macala. Lo mdlali ufumene inyhweba yokumenywa ngumongameli woMzantsi Afrika, uJacob Zuma, ozakube etyelele eFrance kule veki. Ukermit Erasmus ubengashiya ilizwe lakhe ayodlalela iqela laphesheya, kodwa akakayifumani indawo yakhe kwiqela lesizwe emva kokugxeka uShakes Mashaba esidlangalaleni ngokumchwethela ecaleni.