Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, * -Owen Da Gama, ugxekwe kakhulu izolo ngabantu abaninzi emva kokuvakala kweendaba ezithi ufuna ukusebenzisa ihlokondiba labadlali abadala kakhulu kwimidlalo ye-Olimpiki ezakube iseBrazil ekuthambekeni kwalo nyaka.
UMzantsi Afrika uthelekiswe neBrazil, i-Iraq neDenmark kuGroup A kumsitho obungoLwesine weveki ephelileyo. Umdlalo we-Under 23 neBrazil yimpinda yomdlalo wobuhlobo phakathi kwala mazwe mabini emva kwalowo obuhlobo owaphunyelelwa
yiBrazil ngo’3-1 kutshanje. Nangona engalikhuphanga latsola uDa Gama, kodwa intetho yakhe ithi, uMzantsi Afrika awunalo ithuba lokudlulela kumjikelo olandelayo kwi-Olimpiki. “Ndicinga ukuba nokuba asihambeli phambili kangako, kodwa kufanele sisebenzise abadlali abanamava ukuze bazenzele igama. Ndiqinisekile uxinizelelo lukwiBrazil, kwaye ukuba singaphuncuka kula midlalo kungafakwanga magowuli kuthi singaya phambili.
Umcelimngeni esijongene nawo sizimisele ukuwusebenzisa ibeliqonga lokusuka italente yabadlali esinabo,” utsho uDa Gama.Iingxelo zithi umqeqeshi weli qela unoluhlu lwamagama abadlali abangaphantsi kwamashumi amabini anesithathu oluquka abadlali abafana noSurprise Moriri, uNhlapo noMpontshane. Okunxakamisa abalandeli kukuba abanye babadlali abafunayo uDa Gama abadlali kwakumaqela abo.
Uninzi luthi endaweni yokufaka abadlali abadala kufanele anike ithuba abadlali abazakudlalela iBafana Bafana kwixesha elizayo. “Kufuneka ndisebenze nabadlali endibaqhelileyo.
Ndizakuba nentlanganiso nengqonyela yeSAFA, uDennis Mumble, esizakubona kuyo ukuba asinokwazi na ukufumana abadlali abathile kumaqela aphesheya abanje ngo-Andile Jali,” ucatshulwe esitsho uDa Gama.
Le tumente ye-Olimpiki ivumela iqela lesizwe ngasinye lifake abadlali abathathu abaneminyaka engaphezulu kwama-23
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo