Ufuna iChiefs eyahlukileyo uSteve

Nangona uSteve Komphela eyindoda eliciko lokuthetha nje – kodwa akanawo amazwi okuchaza isizini ka’2015/16 – kangangokuba uthi uyavuya ide yafikelela esiphelweni.

Amakhosi avale isizini engafumenga nto phantsi kukaKomphela. Kwisizini ka’2014/15 iKaizer Chiefs yaphumelela indebe ye-Absa Premier Soccer League neMTN 8. Ibethiwe ke kambe iChiefs kumdlalo wokugqibela ngo’2-0 yiChippa United evale isizini kwindawo yesithandathu.

Njengokuba iChiefs iphulukene neendebe kubi kubalandeli – kodwa eyona nto eyenze kwakubi kakhulu kukuphoswa yindawo yesithathu kule sizini iphelileyo. Le nto ithetha ukuthi Amakhosi akazukudlala kukhuphiswano lweCAF njengakule minyaka mithathu idlulileyo. Impoxeko ibibhalwe ebusweni bakhe uKomphela ngoMgqibelo.

“Mandivuyisane neChippa United, idlale umdlalo ophucukileyo kakhulu. Umdlalo wayo unamandla, iintshukumo zabadlali beChippa zihambelana kakuhle. Indlela abadlale ngayo ibonise ukunxanelwa impumelelo, lo nto ibonise ukuzimisela kwabo,” utshilo uKomphela.

Lo mqeqeshi uthe uyakuvuyela ukusongwa kwesizini ngoba efuna isiqalo esitsha. “Kuninzi okufuneka sikwenze. Ndiyavuya ide yaphela le sizini,” utshilo uKomphela. Oka Komphela ude waphuma egusheni ngento ayifunayo kwisizini ezayo. Le ndedeba iyibeke yacaca into yokuba ikhangela abadlali abatsha. “Ndiqinisekile isibhengezo siza kwenziwa.

Iqela endililambeleyo lelinamandla kwisizini ezayo. Kufuneka iChiefs enamandla. Umntu odlala ngokuzinikela unayo intlonipho – kufuneka sifumane la ntlonipho kwakhona,” utshilo uKomphela.