Ufuna impumelelo uShakes Mashaba, qha!

UShakes Mashaba ulungiselela umdlalo weBafana Bafana ozayo. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi oyintloko weqela lesizwe, uShakes Mashaba, ulityityimbisele umnwe iqela lakhe ngelithi xa umdlalo usekhaya akalindelenga nanye into engaphantsi kwempumelelo.

Lo mqeqeshi ukuthethe oku ngethuba ebhengeza amagama wabadlali abazakuthi balungiselele umdlalo weqela lakhe ozayo. ABafana Bafana bakwiphulo elinzima lokuzama ukuya kwindebe yehlabathi ka’2018 ezakube ibanjelwe eRussia.

UMzantsi Afrika wamkela iSenegal kumdlalo wokuzibekela indawo kwindebe yehlabathi ePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga ezayo.

Iqela leli lizwe liphantsi koxinizelelo emva kokuphoswa ngamanqaku amathathu ngethuba lidlala ngo’1-1 neBurkina Faso kutshanje.

Kunyanzelekile amakhenkwe kaMashaba azibonakalise kwilizwe lonke ukuba azimisele emva kokuwa phantsi kwiinzame zawo zokuya kwitumente yezwekazi le Afrika(Afcon 2017) esekuqaleni konyaka ozayo.

UMashaba uhleli ngempund’enye esihlalweni sakhe – kwaye uncwase ukusebenzisa le midlalo ihlakulela indebe yehlabathi ukuze abonise wonke ubani ukuthi yena ukufanele ukugcinwa njengomqeqeshi weBafana Bafana.

“Siye eBurkina Faso, sabuya nenqaku enlinye qha. Ngokunokwam kwakumeluba siphumelele – kodwa ngoku njengokuba sizakudlalela ekhaya – ayikho enye into efunekayo ngaphandle kokuphumela. Eyona ndlela ilula yokuya kwitumente yehlabathi kukuphumelela imidlalo esekhaya. Xa usenza njalo, uzicuthela umthwalo,” utshilo uMashaba.

Lo mqeqeshi uzekelise ngeMamelodi Sundowns ezintshatsheli ze-Afrika, ethe yaphumelela ngokubetha amaqela enkundleni yayo.

“Impumelelo ingasibeka phezulu kuGroup D futhi emva kwalo umdlalo yonke into ingaxhomekeka kuthi. Kubalulekile kuthi ukusebenza kwangoku ukuze kuthi kufika unyaka ozayo sibe sesihlabele mgama kakhulu,” utshilo uShakes.

Iqela elibhengezwe nguShakes lime ngoluhlobo:

Oonozinti: Williams, Khune, Mhlongo

Abadlali basemva: Mphahlele, Coetzee, Hlatshwayo, Daniels, Mbekile, Langerman, Mathoho, Matlaba

Abadlali basesiswini: Furman, Kekana, Jali, Mahlangu, Makola, Patosi, Dolly, Klate, Serero, Phala

Iifolosi: Vilakazi, Rodgers, Grobler, Veldwijk