Ufuna indawo yesibhozo uLarsen

Umqeqeshi weGolden Arrows, uClinton Larsen, unenjongo yokuthatha iqela lakhe alibeke phakathi kwamaqela asibhozo aphambili xa kuphela isizini ka’2016/17.

Oku kuthethwe nguLarsen emva kokuba iGolden Arrows ibethe iFree State Stars ngo’1-0 ngempelaveki edlulileyo.

Amanqaku amathathu alithathe eli qela laKwaZulu Natal alibeka kwindawo yesithoba kwiPSL.

Ngoku uLarsen unethemba lokuqokelela amanqaku oneleyo kule midlalo ishiyekileyo ukuze i-Arrows izibekele indawo phakathi kwamaqela asibhozo aphambili.

Ngathuba lithile kule sizini i-Arrows idlale imidlalo emithandathu ngaphandle kwempumelelo, kodwa izinto zijikile mva nje emva kokuphumelela imidlalo emibini kwemithathu. Imonwabisile lo nto uLarsen ngoba belukhula uxinizelelo.

“Ekufikeni kwam kwi-Arrows, iqela lalinawo amandla, kwaye kwakonwabe wonke umntu.

Kodwa izinto ziye zajika, abadlali balahlekelwa kukuzithemba namandla. Sizamile ukusebenzisa iindlela ezingaqhelekanga ezikhulisa ukuzithemba ebadlalini.

Sathetha nabadlali ngoku izinto zihamba kakuhle. Ndinethemba lokuba sakuthi siyivale le isizini sisendaweni entle,” utshilo uLarsen.