Ufuna indawo yesithathu uTinkler

Ubona iqela lakhe lisethubeni lokufumana indawo yesithathu kwi-Absa Premier Soccer League umqeqeshi we-Orlando Pirates * -Eric Tinkler.

EZimnyama zibethe iMamelodi Sundowns ngo’2-0 kumdlalo weNedbank Cup eLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo.

Amagowuli afakwe nguTendai Ndoro noMpho Makola. Ngokutsho kwalo mqeqeshi, iPirates iqhuba kakuhle ngoku, kufanele uba ligxile kwimidlalo yePSL njengokuba idlala nePolokwane City ngo’19:30 ngomso.

“Sisethubeni lokuvala isizini sikwindawo yesithathu sibuyele nakwiCaf Comfederation Cup. Kufuneka siphumelele yonke imidlalo eseleyo ukuze kwenzeke oko. Xa ndijonga, ingenzeka lo nto. Ngoku kufuneka sigxile kakhulu kwiPolokwane. Sinamathuba amabini okudlala kwiConfederation Cup nakwiNedbank Cup sisekhona,” utsho uTinkler.

Lo mqeqeshi uthi, akonelisekanga kwaphela kukukhutshwa kuka-Edwin Gyimah ngekhadi elibomvu kumdlalo odlulileyo.

“Ndicinga ukuba unompempe unike uGyimah ikhadi kuba ebecinga ukuba akamnikanga kwityeli lokuqala emva kokudlalisa kakubi uKhama Billiat. Kwelesibini ndicinga ukuba uGyimah uye waxhokonxwa. Ebedlala kakuhle wade wabe ufumana ikhadi lesibini,” utsho uTinkler.

UTinkler uthi, uThamsanqa Gabuza kufuneka asebenze nzima ngoba kunzima ngoku ukususa uTendai Ndoro kuba udlala kakuhle kakhulu.