Ufuna ingcaciso ngomdlali wakhe uTinkler

Iveki ephlileyo yenye yezoveki oosompempe abathathe izigqibo ezingabonwabisanga abaqeqeshi bamaqela kwiPSL.

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, * -Eric Tinkler, akaxolanga konke konke sisigqibo esithathwe ngusompempe, * -Olani Kinda, obenikwe uxanduva lokuphatha umdlalo obuphakathi kweGolden Arrows nePirates ewuphumelele ngo’4-1 eMoses Mabhida Stadium kuMgqibelo odlulileyo.

AmaBhakabhaka afumene onke amanqaku – kodwa isigqibo esikhokelele ekukhutshweni kukaLehlogonolo Masalesa sishiye uninzi lwabalandeli lubhidekile. UKinda unike uMasalesa ikhadi elityheli lesibini ngenxa yento ayibiza ngokuba lulibaziso lomdlalo.

Akucacanga kakuhle nokuba lixesha elingakanani eli usompempe amohlwayele lona, kodwa into ekhalisa uTinkler kakhulu kukuba lo sompempe uphinde wanika * -Edwin Gyimah ekungeneni kwakhe ebaleni. “Ndifuna ukwazi eyona nto ichanekileyo ayikhutshelweyo kwaye andiyazi eyona nto ibangele afumane ikhadi lesibini elityheli. Ikhadi lokuqala alifumeneyo uMasalesa belifanelekile,” utsho uTinkler.

“Kufuneka ndifumane isizathu seli khadi lesibini. Umzekelo, isigqibo sokunika uGyimah ikhadi ulicacisile usompempe.

“UGyimah uvunyelwe ngusompempe ukuze angene ebaleni kodwa umnike ikhadi kuba esithi ungene ngaphandle kwemvume. Akucacanga kum. Ndifuna ukwazi ulinikwelentoni ikhadi,” utsho uTinkler.

Kwakule mpelaveki inye umqeqeshi weChippa United, uDan Malesela, ubuye engaxolanga ngumsebenzi kasompempe obelawula umdlalo obuphakathi kweqela lakhe nePolokwane City, e-Old Peter Mokaba Stadium.

Ihleli kwindawo yesithandathu iBucs kwiPSL emva kokuba iphumelele imidlalo yePSL esibhozo kwelishumi eyidlalileyo kutshanje.

Kule mpelaveki iPirates ilungiselela umdlalo omkhulu ophakathi kwayo neMamelodi Sundowns weNedbank Cup ozakube useLucas Moripe Stadium ngoMgqibelo.

pedro.mapelo@inl.co.za