Ufuna inguqu umqeqeshi weStomers!

Libuyise isidima salo iqela lombhoxo elaziwayo iDHL Stomers
emva kokuyiqala kakubi iSuper Rugby. Eli qela
laseKapa latywatyushwa kanobom yiVodacom Bulls ngo’40-3 emdlalwenu obusePitoli
kwisithuba seeveki ezintathu ezidlulileyo. Amakhwenkwe kaRobbie Fleck liqela
lokuqala elikwazileyo ukubetha iCell Sharks eThekwini kwimpela veki
egqithileyo. IStomers sibethe iSharks
ngo’16-11 kumdlalo obunzima kakhulu. Umqeqeshi weStomers, uRobbie Fleck, ophantsi
koxinzelelo  olumandla lwabalandeli abalambele indebe yeSuper Rugby, uwaqhwabele izandla amakhwenkwe wakhe.

“Ubungemhlanga umdlalo wanamhlanje kodwa ke ndiyayivuyela
impumelelo. Sineminyaka emibini singaphumeleli kweli bala. Ndiwaqhwabela
izandla amakhwenkwe; asebenzile namhlanje,” utshilo uFleck emva komdlalo.

UFleck ubaqinisekisile abalandeli beStomers ukuba
kwimidlalo elandelayo liza kwenza ngcono iqela lakhe. “Kunyanzelekile ukuba
senze ngcono kumdlalo olandelayo. Impumelelo iza kunceda kwicala lokukhulisa ukuzithemba
ebadlalini. Siliqela sineenjongo zokuyiphumelela iSuper Rugby
kwaye ndikholelelwa kwelokuba ukuphumelela amadabi amabini aseMzantsi Afrika
kuza kusinceda kakhulu,” utshilo uFleck.

Nangona liphumelele imidlalo emibini ilandelelana iqela laseKapa
kodwa lisekwindalo yesine kuluhlu lamaqela aseMzantsi Afrika. IStomers
iqokelele amanqaku asibhozo kwimidlalo emithathu. ISharks isekwindawo yokuqala
emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinanye, iBulls neJaguares zinamanqaku
alithoba. ILions, ephulukene nemidlalo emibini, ikwindawo yesihlanu emva
kokuqokelela amanqaku amahlanu.
IStomers
ingquzulana neJaguares eNewlands ngomhla weshumi elinesihlanu emdlalweni
olandelayo.
Ezinye iziphumo kwiSuper Rugby: Bulls 30-12.