Ufuna inguqu umqeqeshi weStormers

USiyanda Ntubeni ngomnye wabadlali bombhoxo ekufuneka bazimisele kwiStormers ngokuba umqeqeshi ufuna impumelelo kwiSuper Rugby kulo nyaka umfanekiso: Gerhard Duraan/BackpagePix

Libuyise isidima salo iqela lombhoxo elaziwayo iDHL Stormers emva kokuyiqala kakubi iSuper Rugby.

Eli qela laseKapa latywatyushwa kanobom yiVodacom Bulls ngo’40-3 emdlalweni obusePitoli kwisithuba seeveki ezintathu ezidlulileyo.

Amakhwenkwe kaRobbie Fleck liqela lokuqala elikwazileyo ukubetha iCell Sharks eThekwini kwimpelaveki egqithileyo.

IStomers sibethe iSharks ngo’16-11 kumdlalo obunzima kakhulu.

Umqeqeshi weStormers, uRobbie Fleck, ophantsi koxinizelelo olumandla lwabalandeli abalambele indebe yeSuper Rugby, uwaqhwabele izandla amakhwenkwe akhe.

“Ubungemhlanga umdlalo wanamhlanje kodwa ke ndiyayivuyela impumelelo. Sineminyaka emibini singaphumeleli kweli bala. Ndiwaqhwabela izandla amakhwenkwe; asebenzile namhlanje,” utshilo uFleck emva komdlalo.

UFleck ubaqinisekisile abalandeli beStormers ukuba kwimidlalo elandelayo liza kwenza ngcono iqela lakhe.

“Kunyanzelekile ukuba senze ngcono kumdlalo olandelayo. Impumelelo iza kunceda kwicala lokukhulisa ukuzithemba ebadlalini. Siliqela sineenjongo zokuyiphumelela iSuper Rugby kwaye ndikholelwa kwelokuba ukuphumelela amadabi amabini aseMzantsi Afrika kuza kusinceda kakhulu,” utshilo uFleck.

Nangona liphumelele imidlalo emibini ilandelelana iqela laseKapa kodwa lisekwindawo yesine kuluhlu lwamaqela aseMzantsi Afrika.

IStormers iqokelele amanqaku asibhozo kwimidlalo emithathu.

ISharks isekwindawo yokuqala emva kokuqokelela amanqaku alishumi elinanye, iBulls neJaguares zinamanqaku alithoba.

ILions, ephulukene nemidlalo emibini, ikwindawo yesihlanu emva kokuqokelela amanqaku amahlanu.

IStormers ingquzulana neJaguares eNewlands ngomhla weshumi elinesihlanu emdlalweni olandelayo. Ezinye iziphumo kwiSuper Rugby: Bulls 30-12.

isibhalo@inl.co.za