UNicholas Mlandu, ifolosi yeqela laseBhayi elibizwa ngokuba yiPE Defence elidlala kwiPort Elizabeth Football Assocciation, oyinzalelwane yaseMatatiele,
uthi nangona lingekafezekiseki iphupha lakhe lokudlalela iChippa United, kodwa ukufumana ithuba lokudlala nayo kumenza azive enelunda. Kule mpelaveki izayo la maqela azakube enyathelana eBhayi, kwaye izakuba ngumdlalo wokuqala kaNicholas edlala neChippa United edumileyo.
UMlandu uncokole neli phephandaba: “Ndiziva ndonwabe kakhulu ukuba ndide ndifike kweli nqanaba lokuba ndiqubisane namaqela amakhulu. Oko ndandikhula ezilalini ndiyiphupha le nto, ngoku ide yenzeka, kwaye eli lithuba lokuba ndizibonakalise kwiChippa United endincwase ukuyidlalela ngenye imini. Kufuneka ndenze umqeqeshi wayo akholwe ndim. Kule mpelaveki idlulileyo besidlala eNelson Mandela Metropolitan University (NMMU) apho siphumelele ngo’2-0.Ngoku siya kulo umdlalo sinochulumanco kuba siyijonge ngamehlo abomvu le indebe.”
Le folosi ithi, iyawazi lo mdlalo uzakubanzima kakhulu, kodwa ilithembile iqela layo. Ngoku eli qela lilungiselela lo mdlalo ngokwasengqondweni nasemzimbeni.
Inethuba iPE Defenders elingcono lokuphumelela lo mdlalo njengoko idlalela ekhaya. Uvale ngokukhuthaza abantwana basezilalini ukuba baphakame bazibandakanye nemidlalo kuba ingakuvulela iingcango, nokuba batsala nzima esikolweni, ubabongoza ukuba bazikhwebule kwiziyobisi notywala.
Le folosi inephupha lokuba izenzele elayo iqela eMatatiele, incedise ngokuqeqesha abadlali abaselula, ithengele namaqela akhona izikipa zebhola, nezinye izixhobo zokuqeqesha ukuze nabo bafike kule ndawo akuyo nangaphezulu.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup