UFuneka unethuba lokubuyisa isidima sakhe

Imbethi manqindi yaseMdantsane, * -Ali “Rush Hour” Funeka, unethuba lokuba aphinde abonise abalandeli bakhe ukuba ubhinqe ngantoni na.

UFuneka olwa ngohlobo lwe-Orthodox ugxekwe kakhulu ngabalandeli bakhe emva kokuba ebethwe yimbethi manqindi yaseLimpopo uTsiko Mulovhedzi, kunyaka ophelileyo. Kulo mlo wonyaka ophelileyo uFuneka wangqengqiswa kumjikelo wesine nguMulovhedzi, ukuze agoduke netshinga ye-IBO Welterweight.

NgeCawa uFuneka uzakube esilwa nenzalelwane yaseGhana uJustice Addy kumlo wentshinga ye-WBA Welterweight Africa. Lo mlo izakuba ngowona mkhulu kule tumente iququzelelwa ngumasipala waseSakhisizwe. UFuneka ugqibelise ukulwa kwinyanga yokwindla kulo nyaka, nalapho abethe khona inzalelwane yaseRussia uViskhan Murzabekov ngamanqaku. Esi sibini sasilwela intshinga ye-IBO waphumelela * -Ali.

Kulo mlo wokugqibela * -Ali uzibonakalisile ukuba usenaso isakhono, kodwa ngokuqinisekileyo * -Addy yindoda angayaziyo, kwaye akuzokuba lula. Kweminye imilo ezakube ixhasa lo umkhulu ngeCawa, inzalelwane yalapha eMonti, uNkosikho ‘Speel’ Mandla uzakube esilwa noThulani Mtiya waseZibeleni.

Kudidi lweSuper middleweight imijikelo elishumi elinambini uBalimo Weliya uzakube eqhekezana noLee Dyer. Kwabatyhini imijikelo elishumi uNoxolo Makhanavu uzakube esamkelwa nguSiphosethu Nxazonke waseKomani.