Ufunge wamunc’ iintupha uGabadinho

UGabadinho Mhango ngumdlali oyifolosi kwi-Orlando Pirates

Ifolosi ye-Orlando Pirates, uGabadinho Mhango, ifunge yamunca iintupha ngelithi iza kuqala apho iyeke khona xa kuphinda kubuya imidlalo kwakhona.

Kwinyanga ephelileyo, isigqeba seNational Soccer League sagqiba kwelokuba inqunyanyiswe yonke imidlalo ye-Absa Premiership ngenxa yesifo esosulelayo ekuthiwa yikhorona esigqugqisa ihlabathi lonke.

Isigqibo sokunqumamisa imidlalo salandela emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa wathi wabhengeza isimo sentlekele elizweni lonke esathi sanyanzela kuvalwe ukuhamba-hamba kwabantu neendibano ezinabantu abaninzi.

Kwenzeke lo nto uMhango engoyena mdlali ophala phambili ngamagowuli alishumi elinane kwaye kubonakala okokuba uzimisele ukufaka amanye amaninzi phambi kokusongwa kwesizini ka-2019/20.

“Sekulithuba elide ngoku singasadlali.

“Andizikhathazi kodwa ngoba yibhola eyona nto esengqondweni yam. Nangona ndingakwazi ukudlala – kodwa ndizimisele ukuvelisa umdlalo ofanayo nalowa wangaphambili,” utshilo uMhango kwiFarPost.

Kuye kwanyanzeleka abadlali bamaqela bazame ukusebenzisa ezinye iindlela ukuze bakwazi ukuzugcina bekwimo elungileyo. Eli lixesha elinzima ngoba zinqunyanyisiwe zonke iintshukumo zoluntu. Nangona kunjalo, kunyanzelekile abadlali bazigcine bekwisimo esilungele imidlalo. Kukho indlela ekhethekileyo yokuzilolonga esiyisebenzisayo sisemakhaya. Kuphela kwendlela esincedayo ngelithuba lekhorona,” utshilo uMhango okunokwenzeka azuze indebe yomdlali onamagowuli amaninzi kule sizini ebholeni yaseMzantsi Afrika.

Njengokuba isizini inqunyanyiswe ikuvuthondaba, iPirates (elahle amathuba okuthatha iindebe) ilandela emva kweKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns.

Iza kulwela indawo yesibini okanye eyesithathu iPirates – kodwa ingalifumana ithuba lokulwela indebe yePSL ukuba kungagqwidiza iChiefs neSundowns emidlalweni eshiyekileyo.

Yiminyaka emithandathu yonke ukusukela mhla eyagqibelisa ngawo ukuphakamisa indebe iPirates ebholeni yaseMzantsi Afrika.