Ufunwa ngapha nangapha uBilliat!

Amaqela aphesheya kolwandle aliqela afuna kakahulu umdlali weMamelodi Sundowns obalaseleyo kwisizini edlulileyo, uKhama Billiat.

Yinto eyaziwa ngumntu wonke eyokuba uBilliat ebefunwa liqela laseFrance elibizwa ngokuba yiLille.

Ngoku Isolezwe lifumene iingxelo ezithi lo mdlali waseZimbabwe ufunwa kakhulu ngamanye amaqela. Ezi ndaba ziphuma ngqo emlonyeni kamanejala wale ndodana, umnumzana uRalph Nkomo, ojongene nezinto zomsebenzi kaBilliat.

“Ukuhamba kukaBilliat ngeke ibeyinto elula ngoba uthandwa kakhulu ngumqeqeshi weSundowns, uPitso Mosimane. Ndive indlela athethe ngayo ngethuba sincokola ngempelaveki edlulileyo.

Iqela elimfuna nyhani uBilliat kuzofuneka libeke into ecacileyo etafileni enokuthi incumise iSundowns ngoba ungumdlali obalulekilyo kuyo. Kwiveki ephelileyo ndifumene umnxeba kwelinye iqela elidlala kwi-English Premier League lindibuza ukuba ingaba uBilliat uwudlalile na umyinge wamashumi asixhenxe nesihlanu [[75%] kwiqela lesizwe.

Ndiphinde ndakrwecwa yimanejala yabadlali yaseJamani endibuze ngokwenzekayo ngalo mdlali. Amaqela aseFrance ndizimisele ukuncokola nawo ngempelaveki emva kwe-Euro2016,” utsho uNkomo.

Le manejala yabadlali izenzele igama ngobamela abadlali abafana noSamuel Eto’o, Nwanko Kanu noBenjani Mwaruwaru, bonke bazenzele igama eYurophu.

“Njengoko ndanditshilo ngaphambili, i-African Cup of Nations ingayiyo enokusiphazamisa. Ukuba uyahamba uBilliat, kuzofuneka alishiye iqela lakhe xa kuqala unyaka ngenxa yayo, yiyo lo nto amaqela aphesheya engayifuni,” utsho uNkomo.

“Lo nto ingenza amaqela eseYurophu angafuni ukubhatala imali eninzi. Ngoku uBilliat uxabisa isigidi esinesiqingatha seeYuro futhi uyakhula usuku nosuku,” utshilo uNkomo.