Ufunwa ngapha nangapha uLetsoaka

Kukhangeleka ngathi angatyikitywa lelinye iqela elilahlekelwe ngumqeqeshi kwiveki ephelileyo uSerame Letsoaka. Lo mqeqeshi obexhuzula imikhala kwiGolden Arrows, kuvaka ukuba uthetha-thethana neBlomfontein Celtic eqhagamshelene naye emva kokumka kwakhe kwiqela ebeliqeqesha laseKZN izol’elinye.

ULetsoaka uxelele i-Arrows ukuba uyayishiya [ngoLwesibini] ngenxa yeengxaki zosapho lwakhe oluseRhawutini. Kodwa iingxelo zithi angabhengezwa yiBloem Celtic kungentsuku zatywala.

ISiwelele ikhangela umqeqeshi omtsha emva kokukhulula kwayo uClinton Larsen kwiveki ephelileyo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweli qela laseFree State.

Emva kokuhamba kwabaqeqeshi ababini kule veki yodwa – kubonakala ngathi zingakhona ezinye iinguqu kumaqela ePSL ungaphelanga lo nyaka.IMaritzburg United kuvakala ukuba ifuna uClarsen okanye * -Eric Tinkler – onekamva elingacacanga kwiPirates.