UFurman uyalincoma igalelo likaBaxter

Ukaputeni weSuperSport United, uDean Furman, uyichaze njengengakholelekiyo impumelelo efunyenwe liqela lakhe.

Amatsatsantsa a Pitori avale isizini ka’2015/16 kakuhle emva kokubetha i-Orlando Pirates ngo’3-2 ebiqale ngokukhokela kumdlalo weNedbank Cup ngempelaveki edlulileyo ePeter Mokaba Stadium.

Eli qela lasePitoli lizuze eyona ndebe ibalulekileyo nangona izinto zingalihambelanga kakuhle ekuqaleni kwesini phantsi kukaGordon Igesund. Ekufikeni kwakhe uStuart Baxter uzamile ukuyonyula inqwelo ebekubonakala ukuba iyazika.

UBaxter wanika abadlali ithemba njengomntu ofumene iindebe eziliqela ngethuba eqeqesha iKaizer Chiefs. UFurman uthi abantu abaninzi bebengacingi ukuba ikhona into abangayenza. Lo mdlali siswini, owafika ekuqaleni kwesizini ephelileyo esuka kwiqela laseNgilane, uthe kwiingxongxo aweyenazo nabaphathi beSuperSport United zazigxile kakhulu ekuziseni iindebe.

Yenzekile lo nto ekugqibeleni, uyayivuyela lo nto. “Impumelelo esiyifumeneyo ayikholeleki. Zininzi kakhulu izinto ezisehleleyo kule sizini, kwaye uninzi belucinga ukuba kuphelile ngathi. Sidlale ibhola ephucukileyo kakhulu,” utsho uFurman.

“Ukusukela oko efikile umqeqeshi wenze umsebenzi omhle kakhulu. siyakuthanda kakhulu ukusebenza naye.

Le ndebe izakusinika amandla ongezelekileyo iphinde isuse ezinye izinto ezingahambanga kakuhle kule sizini,” utsho uFurman. INedbank inika iSuperSport United ithuba lokumela uMzantsi Afrika kwiCaf Confederation Cup kunyaka ozayo.

Ulivuyele ithuba umphathi weSuperSport United, umnumzana Khulu Sibiya. Lo mphathi wayefuna iqela lakhe lifumane indebe, kodwa oko zange kwenzeke phantsi kuka-Igesund. Eli qela livale isizini lihleli kwindawo yesibhozo kwiPremier League.