UFuzile uza kubuyisa isidima sakhe eBhayi!

Ilinge likaAzinga Fuzile lokuguqula iziphumo zomlo wakhe wokugqibela liye laphanza emva kokungaphumeleli kwesibheno sakhe.

Ngoku inkampu yakhe igqibe kwelokuba ixoze omnye umphini kusakhanya ukuze indodana yaseDuncan Village ikwazi ukuqhubela phambili nobomi bayo emanqindini.

UFuzile woyiswa yimbethimanqindi yaseRussia, uShavkatdzhon Rakhimov, emlweni owawubanjelwe eMonti ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo.

Noxa okwenzeka ngaphakathi eqongeni kungazange kube yingxaki kakhulu, kodwa okwabangela abaphathi bakaFuzile bangazamkeli iziphumo zomlo yimikhuba engamkelekanga eyenzeka ekoneni kaRakhimov.

UMongameli weIBF, uDarry Peoples, ubhengeze uRakhimov njengentshatsheli yeIBF Junior Lightweight emva kokukhaba isicelo esiphikisana neziphumo esafakwa egameni likaFuzile.

Abaphathi bakaFuzile babona imbethimanqindi yaseRussia irhogola into eyayikrokreleka ngathi lichiza elingamkelekanga phambi kokuqala komjikelo wesibhozo.

Emilweni ayilwileyo elishumi elinesihlanu, uFuzile ebeqala ukubethwa kula mlo alwe kuwo noRakhimov.

Ngoba umdlalo wamanqindi uzichasile iziyobisi ezithi zinike amandla iimbethimanqindi, uColin Nathan nombutho olawula amanqindi kweli lizwe (iBoxing SA), bathi bafaka isicelo ukuze kuqwalaselwe izinto ezenzeke emdlalweni.

“URakhimov nguye intshatsheli emva kokubetha uFuzile emjikelweni wesibhozo,” itshilo ingxelo ekutshwe yi-IBF kutshanje.

Emva kwesigqibo sokungazitshintshi iziphumo zomlo, inkampu kaFuzile izamkele iziphumo kwaye imlungiselela umlo oza kube useBhayi emva kwePasika yalo nyaka.

Kulindeleke uFuzile alwe nembethimanqindi ephumeleleyo phakathi kukaDiaz noRakhimov phambi kwenyanga yeKhala ka2020.

UDiaz yintshatsheli yeIBF ephumelele ekupheleni kwenyanga yokuqala kulo nyaka. Kunyanzelekile ke ngoku ayikhusele kuRakhimov obethe uFuzile ngo2019.

Ngomhla we26 kuTshazimpuzi iya kuba lithuba elitsha lembethimanqindi yaseDuncan Villiage lokubuyisa isidima sayo emanqindini wehlabathi.