UGabadinho Mhango noogxa bakhe bagxeleshe ukudlalela amaqela aseYurophu

Gabadinho Mhango of Malawi during the 2021 Africa Cup of Nations Finals football match between Malawi and Senegal on the 18 January 2022 at Kouekong Omnisports Stadium, Bafoussam, Cameroon / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Ifolosi yaseMalawi, uGabadinho Mhango, unomnqweno wokudlalela iqela lebhola uMhango, unethemba lokutsala umdla wabachongi emva kwe-Africa Cup of Nations. UMhango usebenzise iAfrica Cup of Nations yalo nyaka ebanjelwe eCameroon njengeqonga lokuvuselela isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo emva kokungadlaliswa yi-Orlando Pirates. Nangona ephosiwe ngumdlalo wokuqala weMalawi – kodwa uMhango wenze indima ebonakalayo ngokufaka amagowuli amabini emdlalweni ilizwe lakhe elibethe kuwo iGuinea ngo’2-1. Ngokutsho kwakhe

“Umnqweno wam kukubona abadlali baseMalawi besiya kumaqela aseYurophu. Nam ndifuna ukuyodlala eYurophu ngoba yeyona ndlela umntu angayibonakalisa ngayo italente yakhe.ekhatywayo laphesheya. Sinabadlali abafanelwe kukudlalela amaqela aseYoruphu apha kwiqela lesizwe lethu,” utshilo uMhango emva kokufumana amagowuli kweyona tumente enkulu yebhola kwizwekazi le-Afrika. “Emva kokuvalwa komkhusane we-Afcon, ndicinga ukuba sinabadlali abangaphaya kwesihlanu abaza kufunwa ngamaqela waseYueophu. Yinto leyo ebesisoloko sibaxelela ngayo abadlali ingekaqali iAfcon. Kufanele bayilwele lo nto ukuze ibonakale ukuba bayayifuna,” utshilo uMhango ethetha noSuperSport TV.

Le folosi yaseMalawi ithe ayinalo noluncinci uvalo lwamaqela afana neSenegal enabadlali abaziwayo abafana noSadio Mane. “Yonke into iya kubonakala ebaleni. Akukho sizathu sokuba soyike. Wonke umdlali ukulungele ukudlala azibonakalise,” utshilo uMhango oqalayo ukudlala kwi-Afcon. UMhango usebenzela nokuthambisa iintliziyo zabaqeqeshi bakhe kwiPirates abamvimba ithuba lokudlala. Ebekhe wabanjwa ixesha elide kukonzakala – kodwa ukhe wangundabamlonyeni emva kokubhaqwa ezipotsoyini namanenekazi. Lo nto yambeka ityheneba elibi yachaphazela nendlela adlala ngayo ebaleni.