UGabadinho Mhango uweze iPirates emdlalweni onzima weNedbank Cup!

Igowuli elifakwe yifolosi yaseMalawi, uGabadinho Mhango, lincede i-Orlando Pirates yawelela kumjikelo olandelayo weNedbank Cup. Ezimnyama ziphumelele zibetha Uthongathi oludlala kwiGladAfrica Championship ngo’1-0 emdlalweni obubambene e-Orlando Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Iqela likaJosef Zinnbauer liye emdlweni liphantsi koxinizelelo emva komdlalo elibethwe kuwo yiGolden Arrows ngo’2-0 noshiye abalandeli bephoxekile ekuqaleni kweveki.

Umdlalo uye kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa macala emva kokungakwazi kwamaqela omabini ukubhalisa ebhodini. Nangona iPirates ibiwulawula umdlalo ebaleni – kodwa kuncinci kakhulu ekwenzileyo ebekunoyinceda ifumane igowuli kwisigaba sokuqala. Nangona kungekho bhola ekhe yamfaka engxakini uRichard Ofiri – kodwa Uthongathi luzamile ukuhlasela futhi lukwazile ukuvala uMhango, uThembinkosi Lorch noDeon Hotto.

Ukudlala kakuhle kwalo iqela laKwaZulu-Natal kuncedile kakhulu ngoba abadlali baqele isigatha sesibini somdlalo bezithembile. Abadlali beBucs afana noSiphesihle Ndlovu noHotto baytshintshe igiya kwisigaba sesibini. Uthongathi luye lwaxhathisile emva lusiya phambili ngokuzithemba. Kwimizuzu embalwa siqalile isigatha sesibini, uKhethukuthula Ndlovu uphantse wayifaka engxakini iPirates ngebhola eye yaphuma ecaleni kwepali kancinci abeyinikelwe nguNkosiyazi Maphumulo.

Khange kube kudala, uMhango ufake igowuli lePirates ngebhola ayidlalelwe ngobuchule nguDeon Hotto. Emva koko, uZinnbauer ufake uSiyabonga Mpontshane, uJean-Marc Makusu Mundele noTerrence Dzvukamanja. Ude waphela umdlalo iBucs ingakwazanga ukongeza ebhodini. Kodwa okuhle kukuba ikwazile ukuya kumjikelo olandelayo nangona indlela edlale ngayo ingancumisi.

Kweminye imidlalo:

TS Galaxy 0(4)-(5)0 TS Sporting (kumapenela)

JDR Stars 2-1 University of Pretoria

Maritzburg United 2-1 Sekhukhune United

Pretoria Callies 1-0 Royal AM

Pirates: Ofori, Hlatshwayo, Jele, Sesane, Maela, Monare, Motshwari, Ndlovu, Lorch, Hotto, Mhango.

Amalalela: Mpontshane, Mundele, Dzvukumajna, Tshobeni, Mntambo, Muwowo, Zungu, Dlamni, Makaringe.

Uthongathi: Ngcobo, Dlamini, Cele, Nxadi, Magawana, Slawula, Hlongwa, Maleka, Maphumulo, Ndlovu, Baloyi.

Amalalela: Amonome, Chaine, Lesoua, Ngcobo, Phiri, Silangwe, Zwane, Kunene, Shezi.