UGabuza okhululwe ngebheyile yeR3 000, utyholwa ngezenzo ezibi kakhulu

Thamsanqa Gabuza. Umfanekiso: SSU

Umdlali webhola ekhatywayo owaziwayo, uThamsanqa Gabuza, ukhutshwe ngebheyile engamawaka amathathu erandi (R3,000) yinkundla yamatyala ebichophele ityala lakhe eAlexandra, eJohannesburg, kule veki. Iingxelo zamajelo eendaba zithi uGabuza, ozinikezele eMapoliseni ngokwakhe, utyholwa ngokonakalisa izinto zenenekazi awayethandana nalo eziquka ifowuni ephathwayo neLaptop.

Ngokutsho kukaKoloneli uDimakatso Nevhuhulwi, uGabuza ukwajamelene nesityholo sokuzama ukudlwengula ngomhla weshumi elinanye kule nyanga yeNkanga ka2023. UMtshutshisi ebecele ukuba uGandaganda anikwe ibheyile exabisa imali engamawaka amahlanu erandi (R5,000) – kodwa igqwethwa lakhe liye lamthethelela ngelithi ngamawaka amabini erandi imali anokwazi ukuyibhatala.

UMantyi uye wayithoba imali yayiR3,000 emva kokuba uMnu. uThemba Ngobeni (iGqwetha) ethe uGabuza angakwazi ukubhatala imali engamawaka amabini kuba umfazi wakhe engenayo imali xa yena engakamkeli. UGabuza ngumdlali weTS Galaxy osazama ukufumana indawo yakhe kuyo emva kokuba ekhululwe yiSuperSport United abeyidlalela kwisizini egqithileyo.

Ethetha neentatheli, uNgobeni uthe akazi ukuba kwenzeka ntoni ngomhla wesehlo ngoba usalinde kukhutshwe ingxelo epheleleyo ngamaPolisa. Iingxelo zamajelo eendaba zithi ayikokokuqala uGabuza ebanjelwa ukuphatha kakubi inenekazi. Ukubanjwa kwayo ifolosi yeTS Galaxy kulandela ukunikwa kukaThembinkosi Lorch isigwebo esixhonyiweyo nomdliwo emva kokufunyanwa enetyala lokuphatha kakubi inenekazi awayethandana nalo.

UGabuza uza kuma phambi kukaMantyi ngomhla weshumi elinanye kwinyanga ezayo emva kokuhlehliswa kwetyala kule veki. Oku kwenziwe kuba kunikwa abecuphi ithuba lokuqokelela obunye ubungqina obungabophelela uGabuza owazenzela igama kwiPirates kwiminyaka egqithileyo. Akukacaci nokuba iTS Galaxy iza kuthatha amanyathelo na emva kokubekwa kukaGabuza amatyala amabi kakhulu.