UGabuza uyinike impumelelo yokuqala iPirates

Thamsanqa Gabuza of Orlando Pirates celebrates goal during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Chippa United on the 19 August 2017 at Orlando Stadium © Sydney Mahlangu /BackpagePix

Ibhola efakwe ngentloko nguThamsanqa Gabuza kwisigaba sokuqala sinike iBucs impumelelo yokuqala kwisizini entsha. Amabhakaniya azuze amanqaku amathathu emva kokubetha iChippa United ngo’1-0 kumdlalo obumhle ngeyona ndlela ngolu rhatya e-Orlando Stadium namhlanje. Unozinti weChippa United – obekade edlalela iPirates – uBrighton Mhlongo – wenze umsebenzi omhle ngokubamba ibhola ebikhatywe nguMpho Makola kwakwimizuzu yokuqala kwisiqingatha sokuqala somdlalo. Yona iChippa United idlale umdlalo wayo wesiqhelo wokugcina ibhola – kodwa into ethe yambi kukuba ayikwazanga ukukhabela unozinti wePirates, uWayne Sandilands, noku kanye. Ifolosi yeChilli Boys efikayo, uMoeketsi Sekola, ebezama ukuyibamba ibhola alinde oogxa bakhe – kodwa bekunzima ukugqobhola ngoba ebegadwe kakhulu nguShitolo noNyauza.

Kwisigaba sesibini umdlalo uqalile, uDan Malesela, ukhuphe uKurt Lentjies waze wafaka u-Abel Mabaso endaweni yakhe. Eyona nto ibifuneka kukuqhekeza udonga lwabadlali bePirates emva. Yena umqeqeshi weBucs, uMilutin Sredojevic, ukhuphe uMusa Nyatama obenomdlalo ozinzileyo kwizigaba zozibini, waze wafaka uLuvuyo Memela – ongene wayishukumisa iChippa United phaya emva. UThamsanqa Sangweni nguye obeyinjini yePirates esizikithini sebala logama yena uMakola ebehlasela. Nakule isizini kubonakala ngathi iChippa United izakujongana nengxaki enye yokungayikhabeli ipali. Abadlali bayo bayibamba kamnandi ibhola futhi bayigcina kubo ixesha elide – kodwa ingxaki abakwazi ukukhabela unozinti okanye ukufaka amagowuli. Yilo nto uMalesela ekufuneka ayiqhoshe ngokukhawuleza kule isizini ukuba ufuna ukuphepha okwenzeke kwisizini edlulileyo. Amabhakabhaka afumene amanqaku amathathu nokuzithemba emva komdlalo wokuqala. Nakubeni kungekho zinto zixhomisa amahlemo iPirates ezenzileyo – kodwa kusekho imfuneko yokuwasebenzisa ngokupheleleyo amathuba ewafumanayo emdlalweni.

Orlando Pirates: Sandilands , Shitolo, Nyauza, Matlaba , Maela, Mobara, Sangweni, Makola, Qalinge, Nyatama, Gabuza.

Chippa United: Mhlongo, Mako, Thopola, Okwuosa, Mdinzo, Zuke, Lentjies, Masuku, Macheke, Sekola, Mbenyane.