UGatebe ugoduke nesigidi kwiComrades

UDavid Gatebe wenze imbali entsha kumdyarho weembaleki odumileyo kwihlabathi iComrades Marathon.

Iimbaleki zelizwe loMzantsi Afrika zigqugqisile kwi2016 Comrades Marathon izolo – kwiimbaleki ezilishumi eziphambili – zimbini kuphela eziphuma kwamanye amazwe.

UGatebe uphumelele iComrades ngokubaleka iiyure ezintlanu, imizuzu elishumi elinesibhozo kwanemizuzwana elishumi elinesithoba [5:18:19].

Umdyarho ubusuka eMgungundlovu usiya eThekwini. Le ndoda ephumelele iComrades kulo nyaka ikrwabaze imbali eyenziwa nguLeonid Shvetsov waseRussia owabaleka iiyure ezintlanu namashumi amabini emizuzu ngo’2007.

Ukophulwa kwakhe imbali yalo mdyarho, uGatebe, kubonisa mhlophe ukuzimisela kweembaleki zoMzantsi Afrika. “Ndivuya kakhulu njengokuba ndenze imbali entsha.

“Ndizixelele kwasekuqaleni ukuba andizuzikhathaza ngabanye abantu – bendibaleka ugqatso lwam qha,” utshilo uGatebe akufika entanjeni.

Indawo yesibini ithathwe nguLudwick Mamabolo, kwindawo yesithathu yanguBongmusa Mthembu elandelwa nguMike Fokoroni waseZimbabwe.

Amadoda aphume phambili: David Gatebe(RSA), Ludwick Mamabono(RSA), Mike Fokoroni(Zimbabwe), Rufus Photo(RSA), Clause Mosiywa(RSA), Siphiwe Ndlela(RSA), Max King(USA), Charles Dibate Tjiane(RSA) noMncedisi Mkhize.

Amanina aphume phambili: Charne Bosman(RSA), Caroline Wostmann(RSA), Kajsa Berg (Sweden), Sarah Bard(USA), Yolande Maclean(RSA), Kerry-Ann Marshal(RSA), Colleen De Reuck(USA), Fikile Mbuthuma(RSA), Julanie Basson(RSA) noSalome Cooper(RSA).