UGavin Hunt akayolelwanga likhefu lendebe yehlabathi

UGavin Hunt ngumqeqeshi weSupersport United. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Njengokuba abalandeli bebhola belungiselela ukubukela imidlalo yamazwe aza kube edlala kwitumente yehlabathi yalo nyaka, yena umqeqeshi weSuperSport United akayolelwanga konke konke yilo nto. UGavin Hunt ukholelwa kwelukuba amaqela amaninzi aya kusokola xa kubuya imidlalo yeDStv Premiership ekukekeleni kwenyanga yoMnga. Imidlalo yeDStv Premiership igqibelisile kwiveki epheliphelileyo ngenxa yetumente yehlabathi eza kuqala ngomhla wamashumi amabini kule nyanga kude kube ngumhla weshumi elinesibhozo kwinyanga ezayo eQatar. UMzantsi Afrika awukwazanga ukuzibekela indawo kumdliva wemidlalo yeFIFA njengeminye iminyaka egqithileyo.

Nangona kunjalo, iPSL iyivale kwangoko eyayo imidlalo nakubeni inguRichard Ofori weGhana kuphela ophuma kwiDStv Premiership oza kuya kwitumente yehlabathi. Kwimpelaveki egqithileyo, iSuperSport United ibambene neSwallows FC ngegowuli elinye macala emdlalweni obuseLucas Moripe Stadium. Ethetha emva komdlalo, uHunt uthe: “Kwisizini nganye, abakhona amahlandenyuka. Sikhe satsala nzima nathi – kodwa sikwazile ukuphumelela imidlalo emithandathu kwesixhenxe esiyidlalileyo.” Ushiyeke ephoxekile uHunt ngoba amanqaku amathathu ebeza kulibeka endaweni entle iqela lakhe elihleli kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership emva kweRichards Bay ekwindawo yesibini emva kweSundowns ebethwa ngumoya phezulu.

“Zindiphoxile iziphumo zomdlalo ngoba ubulawulwa sithi. Kodwa nangona kunjalo, umdlalo wethu khange udibane kakuhle. Ukungadlali kwethu ixesha elide kuye kwabonakala. Kusekho elinye ikhefu, siza kuphinda siqale futhi (emva kwetumente yehlabathi,” utshilo uHunt ofike ekuqaleni kwesizini. Emidlalweni elishumi elinambini, iSuperSport United iphumelele emithandathu. Kwelinye icala, uKaitano Tembe, ogxothwe yiSuperSport kwisizini egqithileyo, ukhonjwe emnyango yiSekhukhune United ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo. Uyishiya ikwindawo yeshumi elinesihlanu entla kweMaritzburg United eceba ukugxotha uJohn Maduka ngenxa yeziphumo ezibi.