UGavin Hunt ubetha ngenqindi phantsi ngoKhama Billiat

Khama Billiat of Kaizer Chiefs during the 2020 MTN8 Semi Final football match between Chiefs and Pirates at Soccer City on 08 November 2020 ©Gavin Barker/BackpagePix

Emva kokuba uKhama Billiat echithe iisizini ezimbini kwiKaizer Chiefs ingaphumelelanga ndebe, kukho abantu abathi uBilliat kufanele ahambe kwiChiefs abuyele kwiMamelodi Sundowns okanye aye kumaqela afana ne-Al Ahly ekukhe kwavaka ukuba ayamfuna. Kodwa umqeqeshi weChiefs, uGavin Hunt, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi akayindawo uBilliat – owagaleleka eNaturena esuka kwiSundowns awaphumelela kuyo iindebe eziquka eyePSL, iCaf Champions League, iCaf Super Cup nezinye ezininzi.

UHunt ukuthethe oku emva kokuba Amakhosi eguqise phantsi i-Orlando Pirates ngo’1-0 emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium ngeCawe egqithileyo. UKhama Billiat unethuba elide engasadlali ngenxa yokonzakala. “Siyamdinga uBilliat. Njengokuba nibonile namhlanje, andikwazanga ukwenza utshintso emdlalweni ngoba abekho abadlali. Kunyanzelekile siqinisekise ukuba uBilliat noLeonardo Castro bakulungele ukudlala kwakhona ukuze sibenabo abadlali abanokuncedisa phambili,” utshilo uHunt.

Iingxelo ezithi ayifunwa indedeba yaseZimbabwe zikhatyiwe ngawo omane ngumqeqeshi. “Sinezicwangciso zokumsebenzisa uBilliat. Nini kuphela abantu (ebhekisa kwiintatheli) abathi akafunwa. Andazi nokuba niyithatha phi na lo nto. Simfuna ekulungele ukudlala. Wophuka emlenzeni uBilliat – kodwa noko ngoku uyakwazi ukubaleka. Sizimisele ukuqinisekisa ukuba kukho umdlalo awufumanayo kweli khefu leFifa,” utshilo uHunt.

Emva kokubetha iPirates okokuqala ukusukela oko wabangumqeqeshi weChiefs, uHunt uncome kakhulu uBernard Parker owenze umsebenzi oncomekayo emdlalweni wedabi laseSoweto. “UParker udlale kakuhle kakhulu. Besingenabo abadlali aboneleyo esiswini, simdlalise khona namhlanje. Nasemdlalweni obuse-Angola udlale kakuhle kakhulu,” utshilo uHunt. Amakhosi ahleli kwindawo yethoba emva kokubetha iPirates, kulindeleke alwele ukungena kwiTop 8 emva kokutsala nzima kakhulu kule sizini.