UGavin Hunt uthi udinga ixesha lokwakha iChippa United

UGavin Hunt noMaloisane Mokhele bencokola phambi komdlalo weDStv Premiership owawuphakathi kweSekhukhune United neChippa United. Umfanekiso: Gavin Barker/BackpagePix

Ngaphandle kwamathandabuzo ingqondo kaMnu. Siviwe Mpengesi ithi ilapha ibe iphaya xa ecinga ngomqeqeshi wakhe emva kwesiqalo esingancumisiyo sesizini eqhubekayo. Sekudlule imidlalo emithandathu yonke iChippa United ingaphumelelanga mdlalo. UMpengesi yindoda eyaziwayo jikelele eMzantsi Afrika ngokugxotha abaqeqeshi xa iqela lingaqhubi kakuhle – kodwa upaneke iinyawo nezandla ngoba kwiveki ephelileyo, uthembise ngokumxhasa uGavin Hunt. Iqela likaHunt libuye liqhwalela eGoli emva kokonzakaliswa yiKaizer Chiefs ngo’4-0 emdlalweni weDStv Premiership. Ziziphumo eziyityhalele emva mpela iChippa United esaphumelele umdlalo omnye kule sizini.

Ethetha emva komdlalo, uHunt uthe: “Ukungaqiniseki ngekamva lam ndiyakwazi, yenzeke lo nto kunyaka ophelileyo. Inoba kokwesibini isenzeka ngoku. Kodwa ke into endiyizamayo apha sisisombululo sexesha elide. Sidinga ixesha ukuze lidibane iqela ngenxa yabadlali abatsha.” UHunt uthe iqela lakhe lizibhaqa lisengxakini ngoba alikwazanga ukuthenga abadlali ngenxa yokushokoxeka kwenxili yemali. Kanti abanye abakadlali ngenxa yokonzakala. “Into endiyizamayo kukufumana abadlali ekungafunwa mali ngabo ngoba yeyona nto ilula ebholeni ngenxa yesimo sethu sezimali. Ndifumene abadlali abafana noRodney Ramagalela noPhakamani Mahlambi – kodwa bobabini abekho ngenxa yokonzakala.

“Asinayo ifolosi eseyifake igowuli nangona sikwazi ukudala amathuba emidlalweni,” utshilo uHunt okwathe iChippa United ingayiphakamisa indebe yeDStv Premiership. “Iqela elifana neChippa lingayiphumelela indebe yeDStv. Abantu bangacinga ukuba ndiphambene kodwa. Singayenza lo nto xa sinokufumana abadlali nexesha lokwakha iqela. Sinalo ixesha? Andiqondi,” utshilo uHunt. IChippa iza kuzama ukufumana amanqaku amathathu xa isamkela iSwallows emdlalweni weDStv Premiership oza kubanjelwa eSisa Dukashe emalanga ngoMgqibelo. Nayo iSwallows yombethwe ziingxaki, amanqaku amathathu ingawavuyela emva kokubambana ngo’1-1 neStellenbosch kwiveki ephelileyo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: Maritzburg United vs TS Galaxy @Harry Gwala Stadium, 15:30; Cape Town City vs Golden Arrows @Cape Town Stadium, 17:30

Cawe: Chippa United vs Swallows FC @Sisa Dukashe Stadium, 15:30; SuperSport United vs Kaizer Chiefs @Lucas Moripe Stadium, 17:30