UGavin Hunt uvuyela ukusebenza noVincent Pule kwakhona

UVincent Pule ngumdlali omtsha weSupersport United FC. Umfanekiso: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Angavuka ngokutsha uVincent Pule kwiqela lakhe elitsha? Lowo ngumbuzo abazibuza wona abantu abaninzi abalandela ibhola ekhatywayo. UPule ubila esoma enkampini alungiselela kuyo isizini entsha. Oko kwenzeka emva kokuba etyikitye isivumelwano sengqesho kwiSuperSport United ekuqaleni kweveki ephelileyo.

Amatsatsantsa, aphantsi kwesandla sikaGavin Hunt, amthathele kuwo uPule emva kokuba ekhululwe yiPirates eyohlukene nenqwaba yabadlali ebingabafuni.

UPule, 32, wafika esengurhasatsha kwiPirates emva kokuziqaqambisa kwiPremier Soccer League esengumdlali weBidvest Wits eyabhangayo eminyakeni egqithileyo. Esengumdlali weBidvest, uPule wayedlala phantsi kukaGavin Hunt okwiqela lakhe elitsha ngoku.

UHunt unethemba lokuba uPule uza kuyinceda iSuperSport United emidlalweni yesizini entsha. “Uyaletsheza ejimini okwekati evenkileni yeTshayina. Ndide ndathi kuye makathobe isantya,” utshilo uHunt kwisikhululo saseGoli.

Umqeqeshi ukuvuyela kakhulu ukufumana ithuba lesibini lokusebenza nomdlali ofana noPule. “Ndamtyikitya edlalela iAfrican Warriors ndamsa kwiBidvest Wits. Wafaka igowuli ekwakuphela kwalo kwiTelkom Cup waphinda wasinceda saphumelela indebe yeDStv Premiership kuloo nyaka.

Emva koko waya kwiPirates ahleli iminyaka emithandathu kuyo. Ndimfumana esakwazi ukubaleka njengakuqala. Imilenze yakhe isenamandla futhi usakwazi ukukhaba kakuhle. Ndinethemba lokuba uza kudlala kakuhle apha kuthi,” utshilo uHunt.

Emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho esitsha, uHunt unethemba lokuba iqela lakhe liza kuqhuba kakuhle kwisizini ezayo. Kulindeleke ukuba Amatsatsantsa azive amandla kwiMTN 8. Izinto aziyihambelanga kakuhle iSuperSport kwisini egqithileyo ngenxa yabadlali abancinane ebinabo.

UHunt unethemba lokuzuza okuhle kwisini ezayo. Sekulithuba noko ngoku iSuperSport United yagqibela ukuphakamisa indebe kwiPSL. Wonke umntu usoloko enomdla wokubona ukuba iza kuqhuba njani iSuperSport United ezakhene igama lokusokolisa amaqela amakhulu kwiPSL.