UGavin Hunt uyakuvuyela ukubuyela kwiSuperSport United

Umqeqeshi omtsha weSuperSport United, uGavin Hunt, exhawulwa nguStan Mmatthews. Umfanekiso: SU

Bebonwabe beveze nelokugqibela abaphathi beSuperSport United izolo ngethuba besazisa uGavin Hunt njengomqeqeshi weqela labo. UHunt ufika kwiSuperSport United emva kweenyanga eziliqela engasabonakali ebholeni yaseMzantsi Afrika emva kokugxothwa yiChippa United kwisizini ephelileyo. Ukuvuyele ke kambe uHunt ukubuyela kwiqela lasePitoli – mhlawumbi kungenxa yeenkumbulo zeminyaka awaphumelele ngayo inqwaba yeendebe. “Ndonwabe kakhulu. Okundichulumancisa kakhulu kukuba ndiza kusebenza nabadlali abasakhulayo endiza kwakha iqela elitsha ngabo,” utshilo uHunt otyikitye isivumelwano sengqesho kwiSuperSport United.

UHunt ngomnye wabaqeqeshi abambalwa abaphumelele iindebe ezininzi kwiPSL apha eMzantsi Afrika. Esengumqeqeshi weSuperSport United, uHunt waphumelela iindebe ze-Absa Premier League izihlandlo ezithathu zilandelelana. Emva kokuya kwakhe kwiBidvest Wits, nalapho uphumelele enye indebe enkulu neMTN 8 Cup. Kwathi kwakubhanga iBidvest Wits kwiminyaka edlulileyo, uHunt uye kwiKaizer Chiefs – kodwa ngelishwa lakhe, izinto khange zimhambele kakuhle. Ingqonyela yaMatsatsantsa, uStan Matthews, imamkele ngokusesikweni uGavin Hunt obekhe wayokufunxa ulwazi kwiqela elikhulu eYurophu.

“Sinomqukuqelana wabadlali esiqinisekileyo ukuba uza kuzuza kumava kaGavin Hunt. Kukho abadlali abadala esifuna ukubabona ebadibanisa nabasakhulayo. Bakhona ke nabanye esibalindeleyo kwezi veki zizayo,” utshilo uMatthews emva kokwamkela uHunt. Umqeqeshi omtsha ungena endaweni kaKaitano Tembo uye wagxothwa ekuzeni kuphela kwesizini ka-2021/22. Nangona ebekhe wayifumana indebe yeMTN 8 (uTembo) – kodwa izinto khange ziyihambele kakuhle iSuperSport United eseyazakhela igama njengelinye lamaqela akwaziyo ukuthatha iindebe. Nakubeni bekukho into uRonwen Williams uyahamba, kunokwenzeka mhlawumbi zijike izinto njengokuba kukho umqeqeshi omtsha. UWilliams ufunwa yiMamelodi Sundowns enonoozinti ababini asebebadala.