UGavin Hunt uyithembile ifolosi yakhe entsha!

UGavin Hunt no-Amr Gamal osuka kwiqela aliphambili eYuphutha elibizwa ngokuba yi-Al Ahly. Umfanekiso: Wits

Iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League ezikhuselayo, iBidvest Wits, zityikitye ifolosi yase-Egypt phambi kokuvalwa kwenyoba yokuthengwa kwabadlali kwiveki ezayo. Emva kwemini izolo, iWits ibhengeze isitshovutshovu sefolosi esigama lingu-Amr Gamal odlalela iqela lesizwe lakhe neqela eliphambili kwizwekazi le-Afrika jikelele – i’Al Ahly. Oku kwenzeka kanye ngethuba lokuxakeka kwayo iWits njengokuba izama ukukhusela indebe yeMTN 8 neyePSL eziphumelele okokuqala kwisizini ka’2016/17.

Phambi kokuqala kwesizini entsha, uGavin Hunt utyikitye abadlali abaliqela abasezingeni eliphezulu abaquka uSteve Pienaar obedlalela iqela laseNgilane kuba ezakudlala imidlalo emininzi eMzantsi Afrika nakwiCaf Champions League. Ukufika kukaGamal kucacisa iinjongo mhlophe okokuba iqela lizimisele ukuqhuba kakuhle kwakhona kule isizini. Lo mdlali, 26, uza kwiWits ngemboleko yonyaka omnye. “Bendithetha le nto ke ngokuya ndandisithi iChampions League yasinceda. Ndambona lo mdlali iqela lakhe lidlala nathi imidlalo emibini. Kwangoko ndacela kwingqonyela yethu (Jose Ferreira) ukuba asingemfumani na lo mdlali Zange siphozise maseko; sathetha nomdlali?” utshilo uHunt.

UGavin Hunt ngonye wabaqeqeshi abaneliso elibukhali kwicala lokupopola abadlali abanezakhono (isiphiwo sokudlala ibhola ekhatywayo) ezikhethekileyo kwaye ubazi abadlali abalungele indlela iqela lakhe elidlala ngayo ebaleni. “Lo ngumdlali endicinga ukuba angasinceda. Yifolosi edlala ngala ndlela yakudala – le kanye ndikholwa yiyo mna. Ndicinga ukuba angawadala amathuba aphinde afake namagowuli kwaye neminyaka yakhe isemihle. Ukhuliswe kakuhle kakhulu kwicala lebhola kwi-Al Ahly awaqala ukuyidlalela esemncinci. Sinethemba lokuba uzakudlala kakuhle noxa lo nto izakuthatha ixesha,” utshilo uHunt.

UGamal unethutyana efikile eMzantsi Afrika, umqeqeshi wakhe ucinga ukuba uyayifundile indlela elidlala ngayo iqela lakhe emva kokulibukela kwimidlalo yokuvula isizini. lo ngomnye wabadlali abambalwa abakhethe ukuza emazantsi we-Afrika endaweni yokuya eYurophu.