Kwisithuba seeveki ezimbalwa ezizayo, uGavin Hunt, uthi iSuperSport United iza kuzama ukufumana abadlali abatsha ngoba ukuthembela ebadlalini ababini abaziifolosi kuyingozi. Amatsatsantsa abila esoma enkampini eseThekwini – apho alungiselela khona ukubuya kwemidlalo yeDStv Premiership njengokuba iza kusongwa itumente yehlabathi ebanjelwe kwilizwe laseQatar kulo nyaka. UHunt ubuyele kwiqela lasePitoli phambi kokuqala kwesizini eqhubeka emva kokuba iSuperSport United yagxotha uKaitano Tembo ngenxa yeziphumo ezibi. Ekuqaleni kwesizini, khange kube kuhle naphantsi kukaHunt – kodwa izinto ziye zaguquka ngoku iSuperSport iphakathi kwamaqela aphambili kwiDStv Premiership.
Oku ukwenze emva kokuzama ukudibanisa iqela elinabadlali abasedyongo abaninzi nabo banamava abafana noThulani Hlatshwayo – owenze indima ebonakalayo ePitoli emva kokuchithwa kwakhe yi-Orlando Pirates kwisizini ephelileyo. UHlatshwayo, osebenza noGavin Hunt kwakhona awakhe wasebenza naye kwiBidvest Wits eyabhangayo, ufike emva kokuthengiswa kwabadlali afana noRonwen Williams noTeboho Mokoena kwiMamelodi Sundowns. Ngokutsho kwakhe umqeqeshi, igalelo elenziwa ngabadlali abafana noBradley Grobler noThamsanqa Gabuza. Kodwa uthi ukuxhomekeka kubo bodwa kuyingozi, yiyo lo nto enethemba lokufumana abadlali abaza kuqinisa iqela lakhe kungekudala. “Sizama ukufumana abadlali abatsha.
UBradley noGabuza basithwele kwisigaba sokuqala sesizini – kodwa asinabo abadlali abanokungena kwiindawo zabo. Abanye abantu banokuthi bakhona abadlali – kodwa sidinga abadlali kwiindawo ezithile kwiqela lathu,” utshilo uHunt okhe waqeqesha iKaizer Chiefs neChippa United kwiminyaka emibini edlulileyo. Oonokrawuzana bathi iSuperSport United izama ukufumana uTerrence Dzvukamanja wePirates noGift Motupa weSundowns. Bobabini bakhe basebenza noGavin Hunt ngaphambili kwaye abasetyenziswa ngamaqela abakuwo ngoku. “Kufuneka sifumane abadlali abaza kungena kwindlela esidlala ngayo,” uvale ngaloo mazwi uHunt. Amatsatsantsa aza kudibana neMarumo Galants ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga ePitoli.
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8