UGcaba uncoma oogxa bakhe koweNedbank Cup

Ayanda Gcaba of Orlando Pirates during the Nedbank Cup Quarter Final match between Orlando Pirates and Bloemfontein Celtic on 22 April 2017 at Orlando Stadium ©Sydney Mahlangu /BackpagePix

Emva kokuba i-Orlando Pirates yenze omnye umtsi kwiNedbank Cup izolo, u-Ayanda Gcaba, uncome kakhulu oogxa bakhe ngokwenza umsebenzi omhle. Kulo mdlalo obubanjelwe e-Orlando Stadium ebesuku, iiSea-Robbers zibethe iBloemfontein Celtic ebigoloza ngo’2-1. Amagowuli wePirates afakwe ngu-Abbubaker Mobara noThamsanqa Gabuza. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho gowuli ebhodini nangona amathuba okufaka amagowuli ebekhona ngamaxesha athile emdlalweni. AmaBhaka-bhaka ebehamba phambili kulo mdlalo ngegowuli elinye – kodwa kuthe xa kushiyeke imizuzu embalwa phambi kokuphela komdlalo, yafaka igowuli lokulinganisa iCeltic.

Lelo gowuli kanye elithe lawunyanzela umdlalo ukuba uye kwixesha elongezelelweyo. Kwezinye zeenguqu ezenziwe ngumqeqeshi wePirates, uKjell Jovenret, ufake uGabuza – ofike wafaka igowuli lempumelelo. Njengokuba kusondela isiphelo sesizini yePSL ka’2016/17 – eli lithuba lokugqibela leBucs enokuthi incumise ngalo abalandeli bayo abalambele indebe ukuba iyaphumelela. Omnye wabdlali basemva kwiBucs abadlale umdlalo oncomekayo ngu-Ayanda Gcaba. Emva kokuthintela iCeltic phaya emva esebenzisana noHapp Jele, uGcaba uye wanikwa iwonga njengoyena mdlali othe waqaqamba emdlalweni. Ayikokokuqala isenzeka lo nto ngoba bekunjalo nakwiveki ephelileyo ngethuba iPirates ibetha iFree State Stars ngo’3-1.

UGcaba uvumile ukuba umdlalo ubunzima – kodwa ubancomile oogxa bakhe ngokudlala kakuhle. “Umdlalo ubunzima kakhulu, size kuwo sisazi ukuba iCeltic ifuna impumelelo kuwo ukuze iye kumjikelo olandelayo,” utshilo uGcaba emva komdlalo.

“Bekunyanzelekile siphumelele omnye umdlalo ukuze sikwazi ukuya kumjikelo olandelayo, ngenxa yokubenza ngokuzimisela – siyenzile lo nto. Silifakile igowuli, lafakwa nakuthi – kodwa sisoloko sizama ukuzithintela izinto ezinjalo. Siyazama ukuvala phaya emva ukuze umthwalo ungabinzima kunozinti wethu,” uvale ngalo mazwi uGcaba.

Amaqela athe adlulela phambili kwiNedbank Cup yiSuperSport United ebethe iKaizer Chiefs, iGolden Arrows ebethe iPlatinum Stars, iChippa United ebethe iJomo Cosmos nePirates. Uthelekiso lwamaqela luzakwenziwa ngomso eGoli.