UGeorge Maluleka unikele umva iNaturena, namhlanje wamkelwa eChloorkop!

UGeorge Maluleka ngumdlali weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: MS

Emva kwexesha
elide kuthethwa ngomdlali osuka kwiKaizer Chiefs, namhlanje iMamelodi Sundowns yazise
uGeorge Maluleka njengomdlali wayo ngokusesikweni. Umhla wamashumi amathathu
kwinyanga yeSilimela, uMaluleka unikele umva iChiefs angazange akwazi
ukuvumelana nayo ngesivumelwano sengqesho esitsha emva kweminyaka eliqela
eyidlalela. UMaluleka, 31, watyikitya isivumelwano sethutyana neSundowns emva
kokuxoxa neChiefs engazange imnike into ayifunayo, namhlanje utyikitye isivumelwano
seminyaka emithathu. Nangona egqibe kwelokuba azichithe iintente eNaturena,
uMaluleka ebesoloko engomnye wabadlali exhathise ngabo iChiefs. Uhambe
engayigqibanga isizini yakhe yokugqibela ngenxa yekhorona (COVID-19) eyosulele
izigidi ezilishumi emva kokuqhambuka eTshayina (China) ekupheleni konyaka ogqithileyo
(2019).

Nangona
engazukwazi ukudlala xa kugqityezelwa imidlalo ye-Absa Premiership engadlalwa
kule nyanga yeKhala – kodwa yena (uMaluleka) wamkelwe ngezandla ezifudumeleyo. “SiyiMamelodi
Sundowns sinovuyo olukhulu ukwazisa okokuba uGeorge Maluleka utyikitye
isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu. Ngenxa yeKhovithi-19, ngeke akwazi
ukubhaliswa kude kuphele isizini. Uza kuziqeqesha nabanye abadlali noxa engekhe
akwazi ukudlala. Siyamamkela uGeorge Maluleka kwisizwe esityheli nakwelona qela
eliphumeleleyo ukusukela ngonyaka okwasungulwa ngawo iPSL,” itshilo ingxelo
ebhaliweyo ekhutshwe yiSundowns namhlanje. Kulindeleke uMaluleke akhuphisane
ngendawo yokudlala nabadlali abafana negqala uHlompho Kekana, u-Andile Jali, u-Oupa
Manyisa noTiyani Mabunda. Amaqela wePSL alungiselela imidlalo eyakudlalwa
kwindawo engekachazwa phantsi kwemiqathango yezempilo.