UGibson ufuna abadlali abatsha kwiProteas

IBangladesh sele izikhethele ukuba iza kuqhokra kuqala, kumdlalo wayo wesibini wosuku olunye xa ijamelene neProteas kumabala iBoland Park namhlanje.

IProteas yiyo ehamba phambili kolu luhlu lwemidlalo ngo’1-0 emva kokuphumelela umdlalo wokuqala eKimberley ngeCawe.

Kumdlalo wokuqala amaqhawe ibinguQuinton De Kock noHashim Amla, baqhokre imitsi engaphaya kwamakhulu amabini kuthinti wabo wokuqala.

Ngaphandle kwamathandabuzo namhlanje bazakuqala apho bayeke khona, kuba ngabo abazakuqala ukuqhokra.

Utshintsho olwenziweyo olubonakalayo, lutshintsho lomdlali omnye uFarhaan Berhadien ozakungena endaweni kaDavid Miller ekujongeni ibhola.

Omnye umdlali obiziweyo kwiProteas kule midlalo mibini ishiyekileyo, lityendyana elineminyaka elishumi elinethoba uWiaan Mulder.

Lo mdlali usothukile kukubizwa kwakhe kwiProteas, njengokuba esithi iseliphupha kuye le nto

“Iseliphupha kancinci kum le nto, ayikangeni ncam, ndisandula ukufika apha ePaarl. Kukufezeka kwephupha kum ukuhlala nabadlali abafana noHashim Amla no-AB de Villiers.

“Ukufakwa kukaMulder kuyinxalenye yeqhinga lika’Ottis Gibson lokufaka igazi elitsha kwiProteas. “Sidinga amandla amatsha, nabadlali abazakufaka umfutho kwiqela ngokubanzi,” utshilo xa ecacisa isigqibo sakhe.

“Sifuna ukuba nabadlali ababalekayo esingakhetha kubo, kwimidlalo yethu.”

Impumelelo yeProteas kulo umdlalo izakuthetha ukuba sele iphumelele kolu luhlu lwemidlalo. NgeCawe iProteas izakudlala umdlalo wokugqibela neBangladesh, eMonti.

Nayo iBangladesh izilungiselele ngokubuyisa umdlali oqhokrayo uTamim Iqbal ukulungiselela lo umdlalo.