UGibson ufuna iProteas ezithembileyo neyahlukileyo

Umqeqeshi weqela lesizwe leqakamba, uOttis Gibson, omi noKagiso Rabada, unethemba lokuba iqela lakhe lakudlala umdlalo ophucukileyo kwiNdebe yeHlabathi umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Ziiveki ezimbalwa ukusukela ngoku kuyiwe kwiNdebe yeHlabathi yeQakamba.

UMzantsi Afrika uza kube uphakathi kwamazwe aza kuthatha inxaxheba kwimidlalo yehlabathi kulo nyaka.

Emva kwengxoxo ngabona badlali bafanele ukumela ilizwe – yena umqeqeshi weProteas, uOttis Gibson, uxelele abachongi phambi kokubhengeza amagama wabadlali okokuba ufuna iqela eliza kudlala umdlalo ocacileyo kwiNdebe yeHlabathi.

Abachongi benze umsebenzi wabo benalo nto ezingqondweni zabo. Oyena mdlali obekuthethwa ngaye kakhulu nguHashim Amla – obuyele kwiqela lakhe iCobras kutshanje kwimidlalo yeT20 Challenge.

Kwiveki ephelileyo, umchongi weProteas oyintloko uLinda Zondi, uxelele iintatheli okokuba bagqibe kwelokuba bangamshiyi uHashim Amla ngenxa yamava anawo kwiqakamba yehlabathi nokudlala kakuhle kwakhe emidlalweni eyayiphakathi koMzantsi Afrika neNgilane.

Umdlali obe lilifa lezembe nguReeza Hendricks ngenxa yomdlalo wakhe okhwinisileyo kutshanje. “UGibson uthe ufuna iqela eliza kudlala ngokuzithemba. Kanti kwilixa langaphambili, iqela lethu belinendawo yokuthanda ukuzibamba. Lo nto ibe nomthelela kwindlela esichonge ngayo iqela,” utshilo uZondi kwiveki ephelileyo ebhengeza iqela labadlali abaya kwiNdebe yeHlabathi.

“Eli iqela lahlukile kweliya lika2015. Kuxutywe abadlali abatsha nabanamava kwaye eli liqela eliza kumela ilizwe. Abadlali abasixhenxe babe khona kwiNdebe yeHlabathi egqithileyo, kanti ukuchongwa kwabadlali abasibhozo abatsha kubonisa inkqubela yophuhliso emdlalweni weqakamba. UKagiso Rabada noAndile Phehlukwayo ngabadlali ababe yinxalenye yetumente yehlabathi yabadlali abaselula (Under-19 Cricket World Cup),” utshilo uZondi.

Abanye abadlali abebethandabuzeka ngenxa yokonzakala nguLungi Ngidi noAnrich Nortje kodwa uZondi uthe bobabini abadlali kulindeleke babe bephile ngokupheleleyo xa kusiyiwa kwiNdebe yeHlabathi eza kube iseNgilane kwinyanga ezayo.

UMzantsi Afrika uza kuqubisana neNgilane emdlalweni wokuvula kwibala ekuthiwa yiThe Oval.

Abadlali abachongiweyo:

Faf du Plessis (ukapteni), JP Duminy, David Miller, Dale Steyn, Andile Phehlukwayo, Imran Tahir, Kagiso Rabada, Dwaine Pretorius, Quinton de Kock, Anrich Nortje, Lungi Ngidi, Aiden Markram, Rassie van der Dussen, Hashim Amla, Tabraiz Shamsi.