UGibson uthethe okokuqala ngeProteas

Ottis Gibson. Umfanekiso: Reuters

Umqeqeshi omtsha weqela loMzantsi Afrika kwiqakamba, u-Ottis Gibson, wenze ilizwi okokuqala ngeli qela azakuliqeqesha. Lo kaGibson unikwe uxanduva lokuqeqesha iProteas kwiveki ephelileyo yiCricket South Africa. Emva kokubeka phantsi ngokusesikweni njengomqeqeshi wabadlali abajula iqakamba kwiqela lesizwe laseNgilane kutshanje. Le ndedeba yakwaGibson yenze amazwi ngezinto ezilindeleyo xa igaleleka eMzantsi Afrika. Oyena mba uphambili ngoku kwiCricket South Afrika ziinguqu nophuhliso lwabadlali abamnyama.

“Umba wenguqu ubuchatshazelwe futhi ngumgaqo-nkqubo kaRhulumente. Akukho nto endinokuyitshintsha ke apho, kufuneka ndisebenza ngayo qha. Njengokuba ndingenokuyitshintsha – kodwa ndiyazi ukuba kutheni kukho lo mgaqo-nkqubo,” utshilo uGibson.

Ephawula kumba wabadlali abakhetha ukudlalela amaqela aseYurophu, uGibson uthe: “Xa ucinga ngoMzantsi Afrika kuthi qatha engqondweni abadlali abahambileyo kube kukho namahum-hum ngabanye abadlali abasafuna ukuhamba. Wonke umdlali uzakuthi isigqibo asithathayo sikholisekile kusapho lwakhe. Xa abantu besithi ababadlali bahamba kuba bengafumani amathuba – akukho nto ingako endinokuyenza mna njengomqeqeshi. Yinto leyo efanele ukuqwalaselwa yiCSA. Okwam kukusebenza nabadlali abakhoyo kuphela ndizame nokuphumelela imidlalo.”

Njengokuba amazwe adlala iqakamba elungiselela indebe yehlabathi ezakube ingo-2019, lo mqeqeshi uthi uMzantsi Afrika yenye yezinto ephambili ukubuya nendebe kwaye ukwathi akaboni sizathu sakungaphumeleli ngo-2019.