UGift Motupa ngumdlali omtsha weBidvest Wits

Gift Motupa of Baroka during the Absa Premiership 2017/18 football match between Baroka and Bidvest Wits at Peter Mokaba Stadium, Polokwane on 22 October 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weBidvest
Wits, uGavin Hunt, utyikitye abadlali abaliqela kwilinge lakhe lokubuyisela
iqela lakhe kwindawo yalo kwisizini entsha.  Njengokuba iWits ixakekile enkampini, izolo
ibhengeze uGift Motupa njengomdlali wayo ngokusesikweni. UGift ngumdlali
oyifolosi ochithe ixesha elithile kwiBaroka FC kwisizini edlulileyo ngenxa
yokuswela amathuba okudlala kwi-Orlando Pirates. Ekupheleni kwesini yePremier
Soccer League ka-2017/18, uMotupa uye watykitywa yiChippa United. Wonke umntu
uye wothuka xa esithi gqi kwiWits izolo.

“Amalungiselelo
esizini entsha ahamba kakuhle kakhulu. Sinabadlali abatsha futhi sisakhangela
abanye. UGift ngowethu ngoku kwaye uqalile ukuziqeqesha neqela lonke,” utshilo
uHunt kwiphephandaba laseGoli.

Abanye abadlali
abatsha abathengwe yiWits baquka uMxolisi Macuphu, uBantu Mzwakali (abasuka
kwiChippa United) noBrighton Mhlongo osuka kwiPirates – kodwa ochithe isizini
edlulileyo kwiChippa United.