UGiovanni Solinas ubalula afuna kwenziwe liqela lakhe kule sizini

Ramahlwe Mphahlele and Siyabonga Ngezana of Kaizer Chiefs challenges Thuso Phala of Supersport United during the 2018 Currie Cup2018 MTN8 Semi Final 2nd Leg match between Kaizer Chiefs and Supersport United at the FNB Stadium, Johannesburg on 01 September 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Amakhosi
aphose ithuba elihle lokuxolisa iintliziyo zabalandeli abanengcwangu emva kokuba ekhutshwe kwiMTN 8 izolo ebusuku. Igowuli elinye elifakwe kuBradley Grobler
liyithathe iSuperSport United layibeka kumdlalo wokugqibela weMTN 8.
Amatsatsantsa a Pitori abethe iKaizer Chiefs ngo’1-0 kumdlalo olawulwe ngawo ubukhuli becala eFNB Stadium kubusuku bayizolo. Ngokubethwa kwayo iChiefs, kuyiphosanise
nethuba elihle lokuphumelela indebe yokuqala kwisizini entsha yePSL. Umqeqeshi
weChiefs, uGiovanni Solinas, uphoxiwe kukubethwa kweqela lakhe – kodwa uthi
kufuneka iqela lakhe lisebenze ngokuzimisela ukuze liphumelele iindebe.

Kwizigaba zozibini
zomdlalo, iChiefs ibingenalo ulwamvila kwaye nokubethwa kwayo akothusanga ngoba
abadlali bayo ababonisanga kuyilangazelela impumelelo. “Isiqendu sokuqala
besinzima kuthi ngoba indlela abadlali bethu abebenikelana ngayo
ayisisebenzelanga. Ndingatsho ukuba umdlalo wethu ubungemhlanga kwisigaba
sokuqala. Kubekho utshintsho kwisigaba sesibini ngoba sikwazile ukudala
amathuba. Ngelishwa kuye kwafakwa igowuli kuthi – kodwa umdlalo wethu
ubungcono,” utshilo uSolinas emva komdlalo.

Nakubeni
uSolinas engalifumananga ithuba lokulungiselela isizini entsha – kodwa uyazazi
okokuba umsebenzi wakhe usemngciphekweni ukuba akakwazi ukuza nendebe. USolinas,
ongene endaweni kaSteve Komphela, ufike iChiefs inethuba elingaphaya kweminyaka
emithathu ingafumani zindebe. Kuba umdlalo wokuqala obuphakathi kweChiefs
neSuperSport waphela ngo’2-2 eLucas Moripe Stadium, iChiefs bekufuneka
ingabethwa qha emdlalweni – kodwa ngelishwa, yoyiswe kukukhusela amagowuli wayo
nakukuphumelela. “Besinethuba elihle lokuya phambili kwindebe yeMTN 8.
Ibibalulekile le ndebe kuthi. Kuyadakumbisa ukungayi kumdlalo wokugqibela. Kufuneka
sisebenzi ngokuzimisela ngoba kule isizini kufuneka siphumelele iindebe. Kufuneka
siphucule indlela esidlala ngayo,” utsho uSolinas.