Enye yeembaleki eziphambili eMzantsi Afrika, uGlenrose Xaba, ithi ayikakholelwa ncam ukuba yiyo eyenze imbali kwiNelson Mandela Bay Half Marathon kwiveki ephelileyo. UXaba ubambe indawo yesibini emva kukaBetty Chepkemoi waseKenya emva kokubaleka amashumi amabini ananye eekhilomitha (21km) kwixesha eliyiyure enemizuzu esibhozo nemizuzwana (1:08:37). Yimbaleki yokuqala yalapha eMzantsi Afrika ekwazileyo ukubaleka ixesha elingakaya elinenekazi. UXaba ubhale iincwadi zembali kwicandelo leembaleki ngokutsha ngethuba etsiba ngapha kweembaleki ezimbini, uCollen deReuck (1:08:38) noElana Meyer (1:06:44) ebizezona ezinamarekhodi amahle ixesha elide.
“Ndisothukile yindlela endiqhube kakuhle ngayo,” utshilo uXaba encokola nolindixesha weembaleki emva kokuphuma entanjeni kwiveki ephelileyo. “Andikwazi ukuyichaza indlela endiziva ngayo – kodwa ukuzithemba bekuphezulu phambi kogqatso. Khange ndiwuve tu umgama endiwubalekileyo ngoba bendizilungiselele kakuhle kakhulu,” utshilo uXaba. Okucace gca ngoMgqibelo ogqithileyo kukuba uXaba uye kugqatso obeluseGqeberha ekhuthazekile kakhulu emva kokuba ebekhe waqhuba kakuhle kwiitumente ezimbini kwiinyanga ezidlulileyo. Uncome indlela umqeqeshi wakhe amjimise ngayo phambi kweNelson Mandela Bay Half Marathon.
“Indlela entsha ayisebenzisayo kulo nyaka umqeqeshi inefuthe kwiziphumo ezihle endizifumeneyo. Ndinethuba elide ndizama ukubaleka iikholomitha (5km) zokugqibela emidyarhweni ngendlela ebhetele. Ngoku ndiyabona iyenzeka la nto siyenza xa sisejimini,” utshilo uXaba obalekela iBoxer Athletics Club. Akufanelanga ukothusa ukubaleka kakuhle kukaXaba ngoba uphethwe ngumanqanqa wembaleki, uCaster Semenya.
“Kwiminyaka egqithileyo izinto zikhe azahamba kakuhle ngenxa yempilo ebikhe yandikhathaza kodwa khange ndityhafe. Xa unabantu abakunika amandla ngokunika inkxaso njengabo ndinabo, awukwazi ukunikezela. Ndifuna ukuqhwabela izandla umntu ojonge impilo yam oqinisekisayo ukuba ndibuya neziphumo ezihle,” uvale ngaloo mazwi uXaba.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini