UGold wenze utshintsho kwiiSharks

Umlawuli wombhoxo kwiiSharks uGary Gold wenze utshintsho labadlali abambalwa, kubadlali abazakuqala kumdlalo weqela lakhe neChiefs kwiSuper Rugby. Lo mdlalo uzakudlalelwa eNew Plymouth, eNew Zealand ngomso.

Ngokwemithetho emitsha yeSARU, uTendai Mtawarira uzakufumana ikhefu kule veki. UKeegan Daniel uzakuba yikapteni yeqela elidlala kwiskram. Olunye utshintsho elizakubonakala, * -JP Pieterson uzakudlala ephikweni lase- kunene, ngelixa uPaul Jordaan ezakuba yinxalenye yeli qela edlala esizikithini sebala.

Kwenziwe utshintsho labadlali abambalwa nakwiskram, kuba iiSharks zizakusebenzisa abadlali abatsha ngaphambili, uDale Chadwick, Kyle Copper kunye noLourens Adriaanse bazakungena endaweni kaMtawarira noFranco Marais.UGold uvakalise ukonwaba kakhulu emva kwempumelelo yeqela lakhe kumdlalo wokuqala, xa lalidlala neHighlanders.

“Impumelelo yethu kumdlalo wethu neeHighlanders ikwazile ukwenyusa izinga lokuzithemba labadlali. Ndiyazingca ngendlela abalwe ngayo nokuzimisela kwabo ngokuphumelela,” utshilo uGold. UGold uyakuqonda ukubaluleka komdlalo weChiefs, kubo kule sizini, kwaye uyayazi ukuba izakuba ngumdlalo onzima lo.

“Sidlala neqela elihamba phambili eNew Zealand kule mpelaveki, kwaye lo izakuba ngumdlalo omkhulu kuthi . Kuyo yonke le sizini, iChiefs ibibonakalisa ubuchule xa ihlasela, kwaye ukuba wenza impazamo bayayisebenzisa,” wangeze ngokutsho uGold.

chris .gilili@inl.co.za